Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Aprili 28–Meyi 4

IMIZEKELISO 11

Aprili 28–Meyi 4

Ingoma 90 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Sukuyithetha!

(imiz. 10)

Sukuyithetha into enokukhathaza “ummelwane” wakho (IMi 11:9; w02 5/15 26 ¶4)

Sukuyithetha into eyahlukanisayo. (IMi 11:11; w02 5/15 27 ¶2-3)

Sukuyithetha into eyimfihlo (IMi 11:​12, 13; w02 5/15 27 ¶5)

KHAWUCINGE NGALE NTO: Amazwi kaYesu abhalwe kuLuka 6:45 asinceda njani sikuphephe ukuthetha amazwi akhubekisayo?

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • IMi 11:17​—Kusinceda njani ukubonisa ububele? (g20.1 11, ibhokisi)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Khangela ithuba lokuxelela umntu othetha naye into osandokuyifunda kwiintlanganiso. (lmd isifundo 2 ingongoma 4)

5. Ukubuyela

( imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Sebenzisa enye yeevidiyo ezikwiTeaching Toolbox. (lmd isifundo 8 ingongoma 3)

6. Ukwenza Abafundi

( imiz. 4) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Cela isifundo seBhayibhile uze umbonise indlela esiqhutywa ngayo. (lmd isifundo 10 ingongoma 3)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 157

7. Ungavumeli Into Oyithethayo Iphelise Uxolo

(imiz. 15) Ingxubusho.

Ngenxa yokuba singafezekanga siza kuzithetha izinto ezikhathazayo. (Yak 3:8) Kodwa ukuba siyacinga ngeengxaki ezinokubakhona xa sithetha izinto ezikhubekisa abanye, loo nto iza kusinceda sikuphephe ukuthetha izinto esizakuzisola ngazo ekugqibeleni. Nazi ezinye iindlela zokuthetha ezinokuluchitha uxolo lwebandla:

  • Ukuqhayisa okungafanelekanga. Le nto yenzeka xa umntu ezincoma ibe inokwenza ukhuphiswano nomona.​—IMi 27:2

  • Ukungathethi nyani. Le nto ayikokuthetha nje ubuxoki kodwa ikwaquka ukuthetha izinto ezilahlekisayo ngabom. Ukungathethi nyani noba kukancinci kunokusenza singathenjwa, kunokumosha nendlela esaziwa ngayo.​—INt 10:1

  • Ukuhleba okwenzakalisayo. Le ntetho iquka ukuthetha izinto ezingakhiyo ngabantu nangezinto ezenzeka ebomini babo ezingeyonyani ncam okanye izinto zabo eziyimfihlo. (1Ti 5:13) Le nto inokubangela kubekho iingxabano nokungamanyani

  • Ukuthetha amazwi ngomsindo. Le ntetho ibangelwa kukuthetha nomntu osicaphukisileyo singacinganga siqhutywa ziimvakalelo. (Efe 4:26) Inokubangela intlungu.​—IMi 29:22

Dlala IVIDIYO ethi ‘Lahlani’ Izinto Eziphelisa Uxolo​—Emfutshane. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Ufunde ntoni ngendlela izinto esizithethayo ezinokulonakalisa lula ngayo uxolo lwebandla?

Ukuze ubone indlela uxolo olwaphinda lwakho ngayo, bukela ividiyo ethi ‘Funa Uxolo, Uze Usebenzele Ukulufumana.’

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma Entsha Yendibano Ka-2025 Nomthandazo