HLALANI NITHE QWA!
Ngaba Iiwebhsayithi Zokuncokola Zimosha Umntana Wakho?—IBhayibhile Inokubanceda Abazali
“Izigulo ezibangelwa yindlela umntu aziva ngayo ziyingxaki kakhulu kubantu abasebatsha, ibe unobangela omkhulu waloo nto ziiwebhsayithi zokuncokola.”—UGqr. Vivek Murthy wase-U.S. kwiNew York Times, ngoJuni 17, 2024.
Abazali bangabakhusela njani abantwana babo kwiingozi ezibangelwa ziiwebhsayithi zokuncokola? IBhayibhile inamacebiso ancedayo.
Into enokwenziwa ngabazali
Khawujonge le migaqo yeBhayibhile.
“Umntu . . . olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.
Kuba iiwebhsayithi zokuncokola zinokufaka umntana wakho engxakini, awumele uzive unyanzelekile ukumvumela ukuba azisebenzise. Ngaphambi kokuba umvumele azisebenzise, qale uqiniseke ukuba ukhule ngokwaneleyo ibe uza kuyithobela imiyalelo omnika yona ngexesha amele alichithe kuzo, uza kuqhubeka enabahlobo abalungileyo ibe akazukuzijonga izinto ezirongo.
Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ngaba Umntwana Wam Angazisebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola?” nelithi, “Ukufundisa Umntwana Wakho Ukusebenzisa Iiwebhsayithi Zokuncokola Kakuhle.”
“Nilisebenzise kakuhle ixesha.”—Efese 5:16.
Ukuba uyamvumela umntwana wakho ukuba azisebenzise, mbekele imithetho yendlela amele azisebenzise ngayo, uze umcacisele indlela eza kumkhusela ngayo loo mithetho. Hlala ulumkile ukuze ubone ukuba akukho nto ibonisa ukuba kufuneka ulinciphise ixesha alisebenzisa kwiiwebhsayithi zokuncokola, ngokujonga ukuba akukho nto itshintshayo na kwindlela azenza ngayo izinto.
Sebenzisa ividiyo yoopopayi ethi Zisebenzise Kakuhle IiWebhsayithi Zokuncokola ukuze uncede umntwana wakho abone ukuba kutheni simele siyilawule indlela esizisebenzisa ngayo.
Funda nezinye izinto
IBhayibhile ithi ngoku siphila kumaxesha “ekunzima ukuwanyamezela.” (2 Timoti 3:1-5) Kodwa ikwasinika namacebiso asinceda sikwazi ukunyamezela. Kukho amanqaku eBhayibhile angaphezu kwayi-20 enzelwe abazali nabantwana babo, kweli nqaku lithetha ngezigulo eziphazamisa iimvakalelo.