Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Istishi SeJW Sifumaneka Nalapho Kungekho Intanethi

Istishi SeJW Sifumaneka Nalapho Kungekho Intanethi

APRILI 1, 2021

 Qho ngenyanga, siye sikhangele phambili ekubukeleni iividiyo ezikhuthazayo eziba kwiJW Broadcasting. Sekunjalo, abazalwana bethu abaninzi abahlala eAfrika abakwazi kuzidawunlowuda ezi vidiyo. Kutheni bengakwazi?

 Kwiindawo ezininzi zaseAfrika ayikho i-intanethi. Kwindawo efumaneka kuyo, iyacotha okanye ibize imali eninzi. Ngokomzekelo, omnye umveleli wesiphaluka waseMadagascar wakha wadawunlowuda inkqubo yenyanga enye yeJW Brodcasting kwindawo ye-intanethi kwaza kwafuneka abhatale i-R240. Leyo yimali abanye abantu abayamkela ngeveki.

 Nangona kukho ezi ngxaki, abazalwana abaninzi abahlala eAfrika bayakwazi ukubukela iJW Broadcasting bengakhange basebenzise i-intanethi. Bayenza njani loo nto?

 Ukususela ngo-2017, kuye kwasetyenziswa istishi seJW ukuze iJW Broadcasting ikwazi ukubukelwa ngabazalwana abahlala kumazantsi eSahara. Esi stishi asibhatalelwa kwaye sifumaneka yonke imihla, ngeelwimi eziyi-16.

Ngo-2018, abazalwana balungisa izinto zokufumana usasazo lwestishi seJW kwiHolo yoBukumkani

 Ukuze kwenzeke oku, amaNgqina kaYehova abhatala inkampani yosasazo ukuze yenze iJW Broadcasting ifumaneke. Esi stishi sifumaneka kumazwe ayi-35 akumazantsi weSahara. Intlangano ibhatala i-R180 000 ngenyanga. Kodwa ke, kukhe kubhatalwe imali eyongezelelekileyo ukuze kusasazwe iinkqubo ezikhethekileyo kusetyenziswa esinye istishi. Oku kwenza ukuba amawaka abazalwana noodade bakwazi ukubukela iindibano kunye nocwangciso olubakho xa kukho utyelelo lwesebe.

Ngo-2018, iqela Lokwakha/Lokuyila elisebenza eMalawi libukele istishi seJW

 Abanye abantu kuquka nabo bangengawo amaNgqina, bazibukelela emakhayeni abo esi stishi seJW. Noko ke, abazalwana bethu abaninzi abanayo imali yokuthenga izixhobo zokusidlala. Ukuze kuncedwe abazalwana noodade, iiHolo zoBukumkani eziyi-3 670 ziye zafakelwa izixhobo zokudlala istishi seJW. Ezi zinto zibiza malunga ne-R1 050 ukuba kwiHolo yoBukumkani sele kukho iTV okanye iprojektha. Kodwa ke, ukuba azikho, ezi zinto zingabiza ngaphezu kwe-R8 061.

 Abazalwana noodade bayasithanda esi stishi. Omnye umdala waseCameroon uthi: “Kwintsapho yethu, esi stishi sifana nemana entlango.” UOdebode, umzalwana waseNigeria uthi: “Njengentsapho, sisibukela kathathu ngeveki. Oonyana bam basoloko bekhangele phambili, bade bazicelele ukuba sisibukele naxa ingeyomini yokusibukela.” URose, naye ohlala eNigeria uthi: “Andisazithandi kangako iindaba ngenxa yesi stishi. Xa ndandibukela iindaba, izinto endizibonayo zazindikhathaza ize ipresha yam yenyuke. Kodwa, iJW Broadcasting iyandikhuthaza ize indenze ndizole. Ndiyasithanda esi stishi. Siyintsikelelo engathethekiyo evela kuYehova.”

Intsapho eseMalawi ibukele ividiyo yabantwana kwistishi seJW

 Omnye umveleli wesiphaluka oseMozambique uthi: “KwiiHolo zoBukumkani ezikwisiphaluka endikhonza kuso, abavakalisi bayakwazi ukubukela esi stishi. Abazalwana abakula mabandla bafika kwangethuba ngaphambi kokuba iintlanganiso ziqalise ukuze babukele iJW Broadcasting.”

Ngo-2018, ibandla elise-Ethiopia lonwabele inkqubo yeJW Broadcasting lingakhange lisebenzise i-intanethi

 Kwindibano yezizwe ngezizwe ka-2019 eyayiseRhawutini, eMzantsi Afrika, esi stishi sasetyenziselwa ukusasaza iintetho eziphambili kuquka ezo zazinikelwa lilungu leQumrhu Elilawulayo. Ezi ntetho zasasazwa nakwezinye iindawo ezisithoba. USphumelele weSebe Losasazo eMzantsi Afrika uthi: “Sasikade sisasaza sisebenzisa i-intanethi, kodwa loo nto ifuna i-intanethi ezinzileyo kwaye ibiza imali eninzi. Kodwa, istishi seJW asibizi mali ininzi kwaye asikhange sibe namagingxigingxi.”

 Ngenxa yeminikelo yenu yokuzithandela ethunyelwa kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke, abazalwana noodadewethu abaninzi abahlala eAfrika bayakwazi ukubukela iJW Broadcasting besebenzisa istishi seJW. Siyixabisa kakhulu iminikelo yenu eniyenza ngeendlela ezahlukahlukeneyo ezifumaneka ku-donate.pr2711.com.