Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 6:1-20
6 Ngaba nabani na kuni oxabana nomnye+ unesibindi sokuya enkundleni, phambi kwabantu abangengomalungisa, kunokuba aye kwabo bangcwele?
2 Okanye anazi na ukuba abo bangcwele baza kugweba ihlabathi?+ Ukuba ke ihlabathi liza kugwetywa nini, aninakukwazi na ukugweba izinto ezingenamsebenzi ngolu hlobo?
3 Anazi na ukuba siza kugweba iingelosi?+ Kutheni ke singenakuzigweba izinto zobu bomi?
4 Ukuba ke kukho amatyala ekufuneka exoxiwe,+ ngaba niza kubeka amadoda angathenjwayo libandla ukuba abe ngabagwebi?
5 Ndithetha kuba ndifuna nibe neentloni. Akukho nokuba abe mnye na kuni okwaziyo ukugweba phakathi kwabazalwana bakhe?
6 Kunoko, abazalwana bamangalelana ezinkundleni, kubantu abangengomakholwa!
7 Lihlazo nyhani into yokuba nimangalelane. Kutheni ningasuke nizivumele nimoshwe?+ Kutheni ningasuke nizivumele niqhathwe?
8 Kunoko nimosha nize niqhathe abazalwana benu!
9 Okanye anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abazukungena kuBukumkani BukaThixo?+ Ningalahlekiswa.* Abantu abaziphethe kakubi ngesondo,*+ abakhonza izithixo,+ abakrexezayo,+ amadoda avumayo ukulalwa ngamanye amadoda,+ amadoda alala amanye amadoda,+
10 amasela, abantu ababawayo,+ amanxila,+ abantu abathukayo* nabantu abanamaqhinga abazukungena eBukumkanini BukaThixo.+
11 Kanti abanye benu babekhe banjalo. Kodwa niye nahlanjwa nacoceka,+ nenziwa ngcwele,+ kwaza kwathiwa ningamalungisa+ egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.
12 Zonke izinto zisemthethweni* kum, kodwa ayizizo zonke eziluncedo.+ Zonke izinto zisemthethweni kum, kodwa andizukuvumela nantoni na ukuba indilawule.
13 Ukutya kwenzelwe isisu, nesisu senzelwe ukutya; kodwa uThixo uza kuziphelisa zombini.+ Umzimba awenzelwanga ukuziphatha kakubi ngesondo,* kodwa wenzelwe iNkosi,+ neNkosi ibekho ngenxa yomzimba.
14 Kodwa uThixo wayivusa iNkosi+ yaye uza kusivusa nathi ekufeni+ ngamandla akhe.+
15 Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu?+ Ngaba ke ngoku ndifanele ndithathe amalungu omzimba kaKristu ndiwafake kumfazi othengisa ngomzimba? Soze!
16 Anazi na ukuba umntu ozidibanisa nomfazi othengisa ngomzimba uba mzimba mnye naye? Kuba uThixo uthi, “Aba babini, baza kuba nyama-nye.”+
17 Kodwa lowo umanyene neNkosi ucinga njengayo.*+
18 Ningaze niziphathe kakubi ngesondo!*+ Zonke ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa umntu oziphatha kakubi ngesondo ungcolisa umzimba wakhe.+
19 Anazi na ukuba umzimba wenu yitempile+ yomoya oyingcwele ongaphakathi kuni, eniwufumene kuThixo?+ Enye into aningobenu,+
20 kuba nathengwa.+ Zamani ngamandla enu onke ke ukuba nidumise uThixo+ ngemizimba yenu.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ningaqhatheki.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “abathetha amazwi ahlabayo.”
^ Okanye “zivumelekile.”
^ Okanye “ukuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “umoya mnye nayo.”
^ Okanye “nihenyuze.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.