Eyokuqala YeziKronike 6:1-81
6 Oonyana bakaLevi+ yayinguGershon, uKohati+ noMerari.+
2 Oonyana bakaKohati yayinguAmram, uItsare,+ uHebron noUziyeli.+
3 Abantwana* baka-Amram+ yayinguAron,+ uMoses,+ kunye noMiriyam.+ Bona oonyana baka-Aron yayinguNadabhi, uAbhihu,+ uEleyazare+ noItamare.+
4 UEleyazare wazala uFinehasi, uFinehasi+ wazala uAbhishuwa.
5 UAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi.
6 U-Uzi wazala uZerahiya, uZerahiya wazala uMerayoti.
7 UMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi.+
8 UAhitubhi wazala uTsadoki,+ uTsadoki wazala uAhimahatse.+
9 UAhimahatse wazala uAzariya, uAzariya wazala uYohanan.
10 UYohanan wazala uAzariya. Waba ngumbingeleli endlini eyakhiwa nguSolomon eYerusalem.
11 UAzariya wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi.
12 UAhitubhi wazala uTsadoki,+ uTsadoki wazala uShalum.
13 UShalum wazala uHilekiya,+ uHilekiya wazala uAzariya.
14 UAzariya wazala uSeraya,+ uSeraya wazala uYehotsadaki.+
15 Yena uYehotsadaki wathinjwa xa uYehova wathatha amaYuda neYerusalem wawasa ekuthinjweni ngesandla sikaNebhukadenetsare.
16 Oonyana bakaLevi yayinguGershom,* uKohati noMerari.
17 La ngamagama oonyana bakaGershom: uLibhini noShimeyi.+
18 Oonyana bakaKohati yayinguAmram, uItsare, uHebron noUziyeli.+
19 Oonyana bakaMerari yayinguMahali noMushi.
Ezi ziintsapho zabaLevi ngokookhokho bazo:+
20 KwekaGershom,+ uLibhini yayingunyana wakhe, uYahati unyana wakhe, uZima unyana wakhe,
21 uYowa unyana wakhe, uIdo unyana wakhe, uZera unyana wakhe noYeyaterayi unyana wakhe.
22 Oonyana bakaKohati,* yayinguAminadabhi unyana wakhe, uKora+ unyana wakhe, uAsire unyana wakhe,
23 uElikana unyana wakhe, uEbhiyasafu+ unyana wakhe, uAsire unyana wakhe,
24 uTahati unyana wakhe, u-Uriyeli unyana wakhe, u-Uziya unyana wakhe noShawule unyana wakhe.
25 Oonyana bakaElikana yayinguAmasayi noAhimoti.
26 Oonyana bomnye uElikana yayinguTsofare unyana wakhe, uNahati unyana wakhe,
27 uEliyabhi unyana wakhe, uYeroham unyana wakhe noElikana+ unyana wakhe.
28 Oonyana bakaSamuweli+ yayinguYoweli izibulo, owesibini inguAbhiya.+
29 Oonyana bakaMerari* yayinguMahali,+ uLibhini unyana wakhe, uShimeyi unyana wakhe, u-Uza unyana wakhe,
30 uShimeya unyana wakhe, uHagiya unyana wakhe noAsaya unyana wakhe.
31 Aba ngabo uDavide wababeka ukuba balathise umculo endlini kaYehova emva kokuba iTyeya ibekwe apho.+
32 Babejongene nomculo phambi kwentente engcwele, oko kukuthi intente yokuhlangana de uSolomon wakha indlu kaYehova eYerusalem,+ ibe basebenza ngendlela ababeyalelwe ngayo.+
33 La ngamadoda awayekhonza noonyana babo: KumaKohati yayinguHeman+ imvumi, unyana kaYoweli,+ unyana kaSamuweli,
34 unyana kaElikana,+ unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha,
35 unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi,
36 unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya,
37 unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora,
38 unyana kaItsare, unyana kaKohati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli.
39 Umntakwabo, uAsafu,+ wayesima ngasekunene kwakhe. UAsafu wayengunyana kaBherekiya, unyana kaShimeya,
40 unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya,
41 unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya,
42 unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimeyi,
43 unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.
44 Oonyana bakaMerari,+ abantakwabo, ababengakwisandla sasekhohlo, yayinguEtan+ unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMaluke,
45 unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,
46 unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere,
47 unyana kaMahali, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi.
48 Abantakwabo, abaLevi, babemiselwe phezu kwayo* yonke inkonzo yentente engcwele, indlu yoThixo wokwenene.+
49 UAron noonyana bakhe+ babeqhumisa imibingelelo esibingelelweni somnikelo otshiswayo+ nasesibingelelweni sesiqhumiso esiqholiweyo,+ besenza wonke umsebenzi weyona ndawo ingcwele, behlawulela uSirayeli+ kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguMoses umkhonzi woThixo wokwenene.
50 Aba yayingoonyana baka-Aron:+ uEleyazare+ unyana wakhe, uFinehasi unyana wakhe, uAbhishuwa unyana wakhe,
51 uBhuki unyana wakhe, u-Uzi unyana wakhe, uZerahiya unyana wakhe,
52 uMerayoti unyana wakhe, uAmariya unyana wakhe, uAhitubhi+ unyana wakhe,
53 uTsadoki+ unyana wakhe noAhimahatse unyana wakhe.
54 Ezi yayiziindawo zabo zokuhlala ngokweenkampu zabo* kummandla wabo: oonyana baka-Aron ababeyintsapho yamaKohati, elawela kubo iqashiso lokuqala,
55 banikwa iHebron+ elizweni lakwaYuda, namadlelo ayo.
56 Kodwa intsimi yesixeko neelali zaso bayinika uKalebhi+ unyana kaYefune.
57 Oonyana baka-Aron banikwa izixeko* zokubalekela:+ iHebron,+ iLibhena+ namadlelo ayo, iYatire,+ iEshtemowa namadlelo ayo,+
58 iHilen namadlelo ayo, iDebhiri+ namadlelo ayo,
59 iAshan+ namadlelo ayo, iBhete-shemeshe+ namadlelo ayo.
60 Kwisizwe sakwaBhenjamin: iGebha+ namadlelo ayo, iAlemete namadlelo ayo neAnatoti+ namadlelo ayo. Xa zizonke izixeko zeentsapho zabo zaziyi-13.+
61 Oonyana bamaKohati abashiyekayo banikwa izixeko ezilishumi entsatsheni yesizwe, kwihafu yesizwe, ihafu yakwaManase.+
62 Oonyana bakaGershom ngokweentsapho zabo banikwa izixeko eziyi-13 kwisizwe sakwaIsakare, kwisizwe sakwa-Ashere, kwisizwe sakwaNafetali nakwisizwe sakwaManase eBhashan.+
63 Oonyana bakaMerari ngokweentsapho zabo banikwa izixeko eziyi-12 ngeqashiso kwisizwe sakwaRubhen, kwisizwe sakwaGadi nakwisizwe sakwaZebhulon.+
64 Ngaloo ndlela amaSirayeli anika abaLevi ezi zixeko namadlelo azo.+
65 Ngaphezu koko, abanika ngeqashiso ezi zixeko zichazwe ngamagama, kwisizwe sakwaYuda, kwisizwe sakwaSimeyon nakwisizwe sakwaBhenjamin.
66 Abanye kwiintsapho zamaKohati baba nezixeko kummandla wesizwe sakwaEfrayim.+
67 Abanika izixeko* zokubalekela: iShekem+ namadlelo ayo kummandla weentaba zakwaEfrayim, iGezere+ namadlelo ayo,
68 iYokemam namadlelo ayo, iBhete-horon+ namadlelo ayo,
69 iAyalon+ namadlelo ayo neGati-rimon+ namadlelo ayo.
70 Iintsapho zamaKohati ezishiyekileyo zanikwa iAnere namadlelo ayo neBhileyam namadlelo ayo kwihafu yesizwe sakwaManase.
71 AmaGershom anikwa isixeko kwihafu yesizwe sakwaManase: iGolan+ eseBhashan namadlelo ayo neAshtaroti namadlelo ayo.+
72 Kwisizwe sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, iDabherati+ namadlelo ayo,+
73 iRamoti namadlelo ayo neAnem namadlelo ayo.
74 Kwisizwe sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, iAbhedon namadlelo ayo,+
75 iHukoki namadlelo ayo neRehobhi+ namadlelo ayo.
76 Kwisizwe sakwaNafetali: iKedeshe+ eseGalili+ namadlelo ayo, iHamon namadlelo ayo neKiriyatayim namadlelo ayo.
77 Oonyana bakaMerari abashiyekileyo banikwa kwisizwe sakwaZebhulon:+ iRimono namadlelo ayo, iTabhore namadlelo ayo,
78 ibe kummandla waseYordan eYeriko ukuya kwimpuma yeYordan kwisizwe sakwaRubhen: banikwa iBhetsere esentlango namadlelo ayo, iYahatsa+ namadlelo ayo,
79 iKedemoti+ namadlelo ayo neMefehati namadlelo ayo.
80 Kwisizwe sakwaGadi: iRamoti eseGiliyadi namadlelo ayo, iMahanayim+ namadlelo ayo,
81 iHeshbhon+ namadlelo ayo neYazere+ namadlelo ayo.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “Oonyana.”
^ Okwabizwa ngokuba nguGershon kwivesi 1.
^ Okanye “Inzala kaKohati.”
^ Okanye “Inzala kaMerari.”
^ Ngokoqobo, “yayingabo ababenikwe.”
^ Okanye “ngokweenkampu zabo ezibiyelwe ngodonga.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “isixeko,” ngokutsho kukaYos 21:13.
^ Okanye kusenokwenzeka, “isixeko,” ngokutsho kukaYos 21:21.