Eyokuqala KaSamuweli 16:1-23

  • USamuweli uthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani olandelayo (1-13)

    • “UYehova ubona okusentliziyweni” (7)

  • Umoya kaThixo uyasuswa kuSawule (14-17)

  • UDavide udlalela uSawule uhadi (18-23)

16  Ekugqibeleni uYehova wathi kuSamuweli: “Uza kukhathazeka kude kube nini ngenxa kaSawule,+ ekubeni ndingasafuni ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli?+ Gcwalisa uphondo lwakho ngeoli+ uze uhambe. Ndiza kukuthumela kuYese+ waseBhetelehem, kuba ndizikhethele ukumkani koonyana bakhe.”+  Kodwa uSamuweli wathi: “Ndingaya njani? Xa uSawule eyiva loo nto uza kundibulala.”+ UYehova wathi: “Hamba nethokazi lenkomo uze uthi, ‘Ndize kubingelela kuYehova.’  Memela uYese kwindawo oza kubingelela kuyo. Ndiza kukuxelela into omele uyenze. Umele undithambisele lowo ndiza kukutyumbela yena.”+  USamuweli wayenza into awayeyithunywe nguYehova. Xa efika eBhetelehem+ abadala besixeko bangcangcazela xa bedibana naye. Bathi: “Ngaba uze ngoxolo?”  USamuweli wathi: “Ndize ngoxolo. Ndize kubingelela kuYehova. Zenzeni nibe ngcwele, niye nam kwindawo endiza kubingelela kuyo.” Emva koko wamenza ngcwele uYese noonyana bakhe, waza wababizela embingelelweni.  Xa babengena kwindawo ababeza kubingelela kuyo, uSamuweli wabona uEliyabhi,+ wathetha yedwa esithi: “Lo umi phambi kukaYehova ngumthanjiswa wakhe nyhani.”  Kodwa uYehova wathi kuSamuweli: “Sukujonga inkangeleko yakhe nobude bakhe,+ kuba andikhethanga yena. Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo. Umntu ubona nje okubonakalayo emehlweni, kodwa uYehova ubona okusentliziyweni.”+  Emva koko uYese wabiza uAbhinadabhi+ waza wamdlulisa phambi koSamuweli, kodwa uSamuweli wathi: “UYehova akamkhethanga nalo.”  UYese walandelisa ngoShamaha,+ kodwa uSamuweli wathi: “UYehova akamkhethanga nalo.” 10  UYese wadlulisa abasixhenxe koonyana bakhe phambi koSamuweli, kodwa uSamuweli wathi kuye: “Akukho namnye kwaba okhethiweyo nguYehova.” 11  Ekugqibeleni wathi uSamuweli kuYese: “Baphelele apha oonyana bakho?” Wathi yena: “Ongekaziswa ngoyena mncinci.+ Usendle, walusa iigusha.”+ Wathi ke uSamuweli kuYese: “Yitsho ayokubizwa, kuba asizukutya de afike.” 12  Ngoko wathi makayobizwa waza wamzisa kuSamuweli. Wayengumfana obubomvurha, enamehlo amahle yaye eyinzwana.+ UYehova wathi: “Phakama, mthambise, kuba nguye lo!”+ 13  USamuweli wathatha uphondo lweoli+ waza wamthambisa phambi kwabantakwabo. Umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuDavide ukususela loo mini.+ Emva koko uSamuweli waphakama, wahamba waya eRama.+ 14  Ngoku umoya kaYehova wawumkile kuSawule,+ yaye uYehova wamyeka wangcungcuthekiswa ngumoya ombi.+ 15  Izicaka zikaSawule zathi kuye: “Uyazibonela nawe ukuba uThixo ukuyeke wangcungcuthekiswa ngumoya ombi. 16  Siyacela ke, inkosi yethu mayiyalele izicaka zayo ukuba zikhangele indoda elichule ekudlaleni uhadi.+ Nanini na uThixo ekuyeke wafikelwa ngumoya ombi, yona iza kukudlalela uhadi, kutsho kuthi qabu.” 17  Ngoko uSawule wathi kwizicaka zakhe: “Ndicela nindifunele indoda eludlala kakuhle uhadi, niyizise apha.” 18  Esinye isicaka sathi: “Jonga! Ndiyibonile indlela unyana kaYese waseBhetelehem anobuchule ngayo ekudlaleni uhadi, yaye ulikroti.+ Uliciko, yinzwana+ yaye uYehova unaye.”+ 19  USawule wathumela abathunywa kuYese wathi: “Ndithumelele uDavide unyana wakho, owalusa umhlambi.”+ 20  Ngoko uYese wakhwelisa edonkini isonka, ibhotile yofele enewayini, netakane lebhokhwe. Zonke ezo zinto wazithumela kuSawule, wathumela noDavide unyana wakhe. 21  Ngaloo ndlela uDavide waya kuSawule, waba sisicaka sakhe.+ USawule wamthanda egazini uDavide, waba ngumphathi wezixhobo zakhe. 22  USawule wathumela umyalezo kuYese esithi: “Ndicela uDavide abe sisicaka sam, kuba ndiyamthanda.” 23  Nanini na uThixo eyeke uSawule wafikelwa ngumoya ombi, uDavide wayethatha uhadi aludlale. Kwakutsho kuthi qabu kuSawule, nomoya ombi umke kuye.+

Umbhalo osemazantsi