Eyesibini KwabaseKorinte 9:1-15

  • Bakhuthazwa ukuba banikele (1-15)

    • UThixo uthanda umntu opha evuya (7)

9  Akunyanzelekanga ukuba ndinibhalele ngomsebenzi wokunceda abo bangcwele,+  kuba ndiyazi ukuba niyafuna ukubanceda. Ndiqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndibaxelela ukuba nina apho eAkhaya sele ingunyaka nikulungele ukunceda, yaye ukuzimisela kwenu kubakhuthazile abaninzi kubo.  Ngoko ndithumela abazalwana, ukuze kucace ukuba kutheni siqhayisa ngani kule nto, nokuze nibe sele nikulungele ukunceda njengokuba benditshilo kubo.  Kungenjalo, ukuba kungenzeka abaseMakedoni bahambe nam, size sifike ningekakulungeli ukunceda, siza kuhlazeka ngokunithemba, ndingasathethi ke ngani.  Ngoko ke ndiqonde ukuba mandicele abazalwana ukuba beze apho ngaphambi kokuba sifike ukuze baqinisekise ukuba isipho senu sobubele sele silinde thina, ukuze le ingabi yinto eniyenza kuba ninyanzelwa.  Kodwa umntu otyala kancinci uza kuvuna kancinci, otyala kakhulu uza kuvuna kakhulu.+  Umntu ngamnye makanikele ngaloo nto agqibe ngayo entliziyweni yakhe, anganikeli enesikrokro okanye kuba enyanzelwa,+ kuba uThixo uthanda umntu opha evuya.+  Ngaphezu koko, uThixo uyakwazi ukunenzela ububele* ukuze nihlale ninayo yonke into eniyidingayo, nize nihlale ninezinto eziza kuninceda nikwazi ukwenza yonke imisebenzi emihle.+  (Kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Uphisa engenasikrokro; usivulile isandla sakhe kumahlwempu. Ubulungisa bakhe buhlala bukho ngonaphakade.”+ 10  Lowo umnika imbewu umntu otyalayo nomnika isonka, uza kuninika imbewu eninzi ukuze nityale aze asandise isivuno senu sobulungisa.) 11  UThixo uyanisikelela ngazo zonke iindlela ukuze nikwazi ukupha abanye ngobubele, nto leyo eyenza abanye bambulele uThixo ngenxa yethu; 12  kaloku lo msebenzi siwenzela abanye asiwenzi kuphela kuba sinceda abangcwele ngezinto abazidingayo,+ kodwa siwenza ukuze babe baninzi abantu ababulela uThixo. 13  Lo msebenzi ubonisa ukuba ningabantu abanjani, kutsho kuzukiswe uThixo kuba nizithobela iindaba ezilungileyo ezingoKristu enizishumayelayo yaye ninikela ngobubele kwabo bangcwele nakubo bonke abantu.+ 14  Banibonisa ukuba bayanithanda ngokunithandazela benicengela kuThixo ngenxa yobubele* enibenzelwe nguThixo. 15  Makabulelwe uThixo ngenxa yesipho sakhe esingenakuthelekiswa nanto.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obunganifanelanga.”
Okanye “yobubele obunganifanelanga.”