Genesis 3:1-24
3 Inyoka+ yaba yeyona ilumkileyo* kunazo zonke izilwanyana zasendle awayezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?”+
2 Yena umfazi wathi kwinyoka: “Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo.+
3 Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi:+ ‘Nimele ningazityi, ningazichukumisi; kungenjalo niza kufa.’ ”
4 Yona inyoka yathi kumfazi: “Ngokuqinisekileyo anizukufa.+
5 UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”+
6 Ngenxa yoko umfazi wabona ukuba umthi wawulungele ukutyiwa, uyinto nje enqwenelekayo emehlweni, unqweneleka ngokuwujonga nje. Ngoko wakha isiqhamo sawo waza watya.+ Emva koko wanika nendoda yakhe xa yayikunye naye, yaza nayo yatya.+
7 Emva koko amehlo abo bobabini avuleka, baza babona ukuba bahamba ze. Ngoko bathunga amagqabi omthi wamafiya,* bazenzela imibhinqo.+
8 Ethubeni beva ilizwi likaYehova uThixo njengoko wayehamba emyezweni emalanga,* yaza indoda nomfazi wayo bamzimela uYehova uThixo phakathi kwemithi yomyezo.
9 UYehova uThixo waqhubeka eyibiza indoda esithi: “Uphi?”
10 Ekugqibeleni yathi: “Ndive ilizwi lakho emyezweni, kodwa ndoyika kuba bendihamba ze, ngoko ndiye ndazimela.”
11 Yena wathi: “Uxelelwe ngubani ukuba uhamba ze?+ Ngaba utyile kumthi ebendikuyalele ukuba ungatyi kuwo?”+
12 Indoda yathi: “Umfazi ondinike yena, undinike isiqhamo somthi ndaza ke nam ndatya.”
13 Emva koko uYehova uThixo wathi kumfazi: “Yintoni le uyenzileyo?” Umfazi waphendula wathi: “Inyoka indiqhathile, ndaza ndatya.”+
14 Emva koko uYehova uThixo wathi kwinyoka:+ “Kuba wenze le nto, nguwe wedwa oqalekisiweyo kuzo zonke izilwanyana zasekhaya nakuzo zonke izilwanyana zasendle. Uza kurhubuluza ngesisu, utye uthuli ubomi bakho bonke.
15 Ndiza kubeka ubutshaba*+ phakathi kwakho+ nomfazi+ naphakathi kwenzala* yakho+ nenzala* yakhe.+ Yona iza kukutyumza* intloko+ uze wena uyilume* esithendeni.”+
16 Wathi kumfazi: “Ndiza kuyandisa kakhulu intlungu ekumitheni kwakho; uza kuzala abantwana usezintlungwini, uza kuyifun’ apha indoda yakho, yona ikulawule.”
17 Wathi kuAdam:* “Kuba umamele ilizwi lomfazi wakho waza watya kumthi endakunika umyalelo+ ngawo ndathi, ‘Uze ungatyi kuwo,’ uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho.+ Uza kuyitya imveliso yawo usiva iintlungu, zonke iintsuku zobomi bakho.+
18 Uza kukuntshulela ameva namakhakakhaka, yaye umele utye imifuno yasendle.
19 Uza kutya isonka* ubile ibunzi, ude ubuyele emhlabeni, kuba wenziwa ngawo.+ Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.”+
20 Emva koko uAdam wambiza umfazi wakhe ngokuba nguEva,* kuba wayeza kuba ngumama wabo bonke abantu abaphilayo.+
21 UYehova uThixo wenzela uAdam nomfazi wakhe iimpahla ezinde ngeemfele, wabanxibisa.+
22 Emva koko uYehova uThixo wathi: “Ngoku umntu uye wafana nathi, wazigqibela ngokulungileyo nokubi.*+ Ngoko ukuze angasithathi isiqhamo somthi wobomi,+ atye aze aphile ngonaphakade,—”
23 Ngokukhawuleza uYehova uThixo wamgxotha emyezweni wase-Eden+ ukuze ayokulima umhlaba awathathwa kuwo.+
24 Wamkhupha umntu, wamisa iikherubhi+ nekrele elivuthayo, elijikelezayo ngasempuma komyezo wase-Eden ukuze kuqhubeke kugadwe indlela eya emthini wobomi.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ithe qwa; inamaqhinga.”
^ Okanye “wamakhiwane.”
^ Okanye “ngexesha ekudla ngokubakho ngalo impepho.”
^ Okanye “uyenzakalise; uyihlasele.”
^ Okanye “kukwenzakalisa; kukuhlasela.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “kwembewu.”
^ Okanye “niza kujongana ngezikhondo zamehlo.”
^ Othetha ukuthi “Umntu Wasemhlabeni; Uluntu; Abantu.”
^ Okanye “ukutya.”
^ Othetha ukuthi “Ophilayo.”
^ Ngokoqobo, “wazi okulungileyo nokubi.”