Habhakuki 3:1-19
3 Umthandazo oyingoma yokuzila kaHabhakuki umprofeti:
2 Owu Yehova, ndiyivile ingxelo ngawe.
Ndiyawoyika umsebenzi wakho Yehova.
Phakathi kweminyaka* wenze uphile!
Phakathi kweminyaka* wenze waziwe.
Kwanga ungakhumbula ukuba nenceba ngexesha lokuphazamiseka.+
3 UThixo weza evela kwaTeman,Lowo Ungcwele evela kwiNtaba yakwaParan.+(Selah)*
Uzuko lwakhe logquma amazulu,+Umhlaba wagcwala indumiso yakhe.
4 Ukuqaqamba kwakhe kwakunjengokukhanya.+
Kwakulanyaza imitha emibini esandleni sakhe,Apho ayefihlwe khona amandla akhe.
5 Kwakuphuma isifo esingubhubhani phambi kwakhe,+Nomkhuhlane otshisayo wawulandela ezinyaweni zakhe.
6 Wema ngxi washukuma umhlaba.+
Ngokuzijonga nje wazenza zaxhuma iintlanga.+
Iintaba ezingunaphakade zadilizwa,Neenduli zakudala zaqubuda.+
Ezi ziindlela zakhe zakudala.
7 Ndazibona zisenkathazweni iintente zakwaKushan.
Amalaphu eentente zelizwe lakwaMidiyan angcangcazela.+
8 Ngaba yimilambo, Yehova,Ngaba umsindo wakho wenziwa yimilambo?
Okanye ngaba umsindo wakho wenziwa lulwandle?+
Kuba wakhwela amahashe akho,+Iinqwelo zakho zazisoyisa.+
9 Wasikhupha waza wasilungiselela ukutola isaphetha sakho.
Iintonga* zakho zihamba ngesifungo. (Selah)
Wawucanda ngemilambo umhlaba.
10 Zathi zakukubona iintaba zagcuma yintlungu.+
Kwadlula izantyalantyala zamanzi.
Amanzi asenzulwini agquma ngelizwi lawo.+
Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
11 Ilanga nenyanga zema ezindaweni zazo zokuhlala eziphakamileyo.+
Iintolo zakho zaphuma njengokukhanya.+
Ukumenyezela komkhonto wakho kwakhazimla.
12 Wahamba-hamba emhlabeni ucaphukile.
Ngomsindo wanyathela* iintlanga.
13 Waphuma ukuze usindise abantu bakho, usindise lowo ukhethiweyo wakho.
Wayityumza inkokheli* yendlu yabangalunganga.
Yabhencwa ukususela kwisiseko ukuya kutsho phezulu.* (Selah)
14 Wahlaba amagorha akhe entloko ngezixhobo zakhe zokulwa*Xa ayehamba ngesivuthuvuthu ukuze andichithachithe.
Ayekuvuyela ukuqwenga osentlungwini kwindawo efihlakeleyo.
15 Wanyathela ulwandle ngamahashe akho,Kumanzi amaninzi alatyuzayo.
16 Ndeva ndaza ndangcangcazela,*Sakuvakala eso sandi imilebe yam yabebezela,
Ukubola kwaqalisa ukungena emathanjeni am,+Imilenze yam yayingcangcazela.
Kodwa ngokuzola ndilindele imini yobunzima,+Kuba iza ebantwini abasihlaselayo.
17 Nangona umthi wamafiya* usenokungatyatyambi,Aze namasimi eediliya angabi naziqhamo,Nangona umthi womnquma usenokusilela,Namasimi angavelisi kutya,Nangona imihlambi isenokumka ebuhlanti iduke,Kungabikho zinkomo esibayeni,
18 Kodwa mna, ndiza kuvuya ngoYehova,Ndiza kuvuyiswa nguThixo wosindiso lwam.+
19 UYehova iNkosi enguMongami ungamandla am,+Iinyawo zam uza kuzenza zibe njengezo zexhamakazi,Yaye uza kundenza ndinyathele kwiindawo eziphakamileyo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “Ngexesha lethu.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Ngexesha lethu.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye kusenokwenzeka, “Iintolo.”
^ Ngokoqobo, “wabhula.”
^ Ngokoqobo, “intloko.”
^ Ngokoqobo, “entanyeni.”
^ Ngokoqobo, “ngeentonga zakhe.”
^ Ngokoqobo, “saza isisu sam saxuxuzela.”
^ Okanye, “wamakhiwane.”