Hezekile 34:1-31
34 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli. Profeta, uthi kwabo balusi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Baza kuthi shu abalusi bakwaSirayeli,+ abebesondla iziqu zabo! Bebengafanele bondle umhlambi na?+
3 Nitya amanqatha, ninxiba uboya, yaye nixhela esona silwanyana sityebileyo,+ kodwa aniwondli wona umhlambi.+
4 Ezibuthathaka anizomelezanga, ezigulayo aniziphilisanga, ezenzakeleyo anizibophanga, ezibhaduleyo anizibuyisanga, nezilahlekileyo anizikhangelanga,+ kodwa nisuke nazilawula ngegqudu nangenkohlakalo.+
5 Zathi saa kuba zingenamalusi;+ zasasazeka zaba kukutya kwawo onke amarhamncwa asendle.
6 Iigusha zam zabhadula kuzo zonke iintaba neenduli eziphakamileyo; iigusha zam zathi saa emhlabeni wonke, kungekho mntu uzikhangelayo.
7 “‘“Ngoko ke, balusindini, liveni ilizwi likaYehova:
8 ‘“Ndiphila nje,” itsho iNkosi enguMongami uYehova, “ngenxa yokuba iigusha zam zaba yinto yokuqwengwa, ukutya kwamarhamncwa asendle, kuba kwakungekho malusi, nabalusi bam bengazange bazikhangele iigusha zam, kodwa baqhubeka besondla iziqu zabo baza abazondla iigusha zam,”’
9 ngoko ke, balusindini, liveni ilizwi likaYehova.
10 Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndiyalwa naba balusi, yaye ndiza kubaphendulisa ngeegusha zam,* ndibayekise ukondla* iigusha zam,+ yaye baza kuyeka ukondla iziqu zabo. Ndiza kuzisindisa iigusha zam emlonyeni wabo, ziyeke ukuba kukutya kwabo.’”
11 “‘Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kuzikhangela ngokwam iigusha zam, yaye ndiza kuzihoya.+
12 Ndiza kuzihoya iigusha zam njengomalusi ofumene iigusha zakhe ebezithe saa waza wazondla.+ Ndiza kuzisindisa kwiindawo ebezisasazeke kuzo ngemini yamafu nobumnyama.+
13 Ndiza kuzikhupha kwizizwana ndiziqokelele emazweni ndize ndizizise elizweni lazo, ndizondle ezintabeni zakwaSirayeli,+ ngakwimisinga yamanzi nangakuzo zonke iindawo zokuhlala eziselizweni.
14 Ndiza kuzondla edlelweni elihle, yaye ilizwe ezitya kulo liza kuba sezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli.+ Ziza kubutha apho zize zitye kumadlelo amahle+ asezintabeni zakwaSirayeli.”
15 “‘“Ndiza kuzondla ngokwam iigusha zam,+ yaye ndiza kuzenza zibuthe,”+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
16 “Elahlekileyo ndiza kuyikhangela,+ ebhaduleyo ndiza kuyibuyisa, eyenzakeleyo ndiza kuyibopha, nengenamandla ndiza kuyomeleza; kodwa etyebileyo neyomeleleyo ndiza kuyitshabalalisa. Leyo ndiza kuyondla ngomgwebo.”
17 “‘Nina ke zigusha zam, ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kugweba phakathi kwegusha negusha, phakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.+
18 Ayanelanga na le yokuba nisitya kwawona madlelo mahle? Kutheni ke niwaxovula amanye amadlelo ngeenyawo zenu? Naxa nigqiba kusela awona manzi acwengileyo, kutheni niwagxobha ngokugxampuza ngeenyawo zenu kuwo?
19 Ngaba iigusha zam zimele zitye kumadlelo eniwaxovule ngeenyawo zenu, zize zisele amanzi eniwagxobhileyo ngokugxampuza ngeenyawo zenu kuwo?”
20 “‘Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova kubo: “Ndiza kugweba phakathi kwegusha etyebileyo negusha ebhityileyo,
21 ngenxa yokuba niye nazityhala ngecala nangegxalaba lenu, nezigulayo nazityhala ngeempondo zenu zade zathi saa kuyo yonke indawo.
22 Ndiza kuzisindisa iigusha zam, ibe azizukuphinda ziqwengwe;+ yaye ndiza kugweba phakathi kwegusha negusha.
23 Ndiza kuzivelisela umalusi omnye,+ umkhonzi wam uDavide,+ yaye uza kuzondla. Uza kuzondla ngokwakhe aze abe ngumalusi wazo.+
24 Mna Yehova, ndiza kuba nguThixo wazo,+ yena umkhonzi wam uDavide abe yinkosi phakathi kwazo.+ Mna Yehova, ndithethile.
25 “‘“Ndiza kwenza isivumelwano soxolo kunye nazo,+ yaye ndiza kuwasusa elizweni amarhamncwa enzakalisayo,+ ukuze zihlale zikhuselekile entlango zize zilale emahlathini.+
26 Ndiza kuzenza zibe yintsikelelo,+ zona kunye nommandla ojikeleze induli yam, yaye ndiza kwenza imvula inethe ngexesha elifanelekileyo. Iintsikelelo ziza kugaleleka njengemvula.+
27 Imithi yasendle iza kuvelisa iziqhamo zayo, nomhlaba ukhuphe imveliso yawo,+ yaye ziza kuhlala zikhuselekile elizweni. Ziza kutsho zazi ukuba ndinguYehova xa ndizaphula iidyokhwe zazo+ ndize ndizihlangule kwabo bazenza amakhoboka.
28 Ziza kuyeka ukuba ngamaxhoba eentlanga, namarhamncwa omhlaba awazukuziqwenga, yaye ziza kuhlala zikhuselekile, kungabikho mntu uzoyikisayo.+
29 “‘“Ndiza kuzivelisela izityalo ezidumileyo,* yaye azizukuphinda zibulawe yindlala elizweni,+ zingaphinde zihlaziswe naziintlanga.+
30 ‘Ziza kutsho zazi ukuba mna, Yehova Thixo wazo, ndiyazixhasa, yaye zingabantu bam, indlu kaSirayeli,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’
31 “‘Nina ke zimvu zam,* zimvu endizihoyileyo,+ ningabantu kuphela, kodwa mna ndinguThixo wenu,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ndiza kuzifuna ezandleni zabo iigusha zam.”
^ Okanye “ukuhoya.”
^ Ngokoqobo, “zegama.”
^ Okanye “zigusha zam.”