Hezekile 7:1-27
7 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Wena ke, nyana womntu, ithi iNkosi enguMongami uYehova kwilizwe lakwaSirayeli: ‘Isiphelo! Isiphelo sifike kuzo zone iikona zelizwe.
3 Sikufikele ngoku isiphelo, yaye ndiza kuwukhuphela kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho ndize ndikuphendulise ngazo zonke izenzo zakho ezenyanyekayo.
4 Ilihlo lam alizukuba nalusizi, nam andizukukusizela,+ kuba ndiza kukuphendulisa ngeendlela zakho, uvune imiphumo yezenzo zakho ezenyanyekayo.+ Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova.’+
5 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Jonga! Kuza intlekele, intlekele engaqhelekanga.+
6 Kuza isiphelo; isiphelo siyeza; siza kukufikela. Jonga! Siyeza.
7 Lifikile ixesha lakho,* wena uhlala elizweni. Liyeza ilixa, imini isondele.+ Kukho isiphithiphithi, kungekhona ukukhwaza ngovuyo ezintabeni.
8 “‘Kungekudala ndiza kukuphalazela phezu kwakho ukucaphuka kwam,+ yaye ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam,+ ndikugwebe ngokweendlela zakho ndize ndikuphendulise ngazo zonke izenzo zakho ezenyanyekayo.
9 Ilihlo lam alizukuba nalusizi; nam andizukuba naluvelwano.+ Ndiza kukuphendulisa ngeendlela zakho, uvune imiphumo yezenzo zakho ezenyanyekayo. Niza kutsho nazi ukuba ndim, uYehova, onibethayo.+
10 “‘Jonga, imini! Jonga, iyeza!+ Lifikile ixesha lakho;* ityatyambile intonga, nokukhukhumala kuhlumile.
11 Ubundlobongela buphakame baba yintonga yobubi.+ Abazukusindiswa bubutyebi babo, abazukuzisindisa, yaye abazukusindiswa naludumo lwabo.
12 Liza kufika ixesha, iza kufika imini. Umthengi makangavuyi, nomthengisi makangazili, kuba kukho umsindo ovuthayo ngakubo bonke abantu.*+
13 Kuba umthengisi akazukubuyela kwizinto ezithengisiweyo, kwanaxa ubomi bakhe busindisiwe, kuba umbono ngowabo bonke abantu. Akukho mntu uza kubuya, ibe ngenxa yesiphoso sakhe,* akukho mntu uza kusindisa ubomi bakhe.
14 “‘Bavuthele ixilongo,+ ibe wonke umntu uxhobile, kodwa akukho mntu uya edabini, kuba umsindo wam uvutha kubo bonke abantu.+
15 Ngaphandle likrele,+ ngaphakathi sisifo esingubhubhani nendlala. Nabani na osemasimini, uza kufa ngekrele, yaye abo basesixekweni, baza kuqwengwa yindlala nasisifo esingubhubhani.+
16 Abasindileyo nabaye baqhwesha baza kuya ezintabeni, ibe njengamahobe asezintlanjeni, ngamnye uza kuncwina ngenxa yesiphoso sakhe.+
17 Zonke izandla zabo ziza kuwa, namadolo aza kuthontsiza amanzi.*+
18 Banxibe ilaphu lokwenza ingxowa,+ ibe bayangcangcazela. Bonke baza kuhlazeka, babe nenkqayi.*+
19 “‘Baza kuyiphosa ezitratweni isilivere yabo, negolide yabo baza kuyenyanya. Isilivere yabo negolide yabo ayizukukwazi ukubasindisa ngemini yokuvutha komsindo kaYehova.+ Abazukwaneliseka, nezisu zabo abazukuzigcwalisa, kuba iye* yaba sisikhubekiso esibangele benza isiphoso.
20 Baye bazingomba isifuba ngenxa yobuhle bezinto zabo zokuhombisa, ibe benze imifanekiso eyenyanyekayo ngazo,* izithixo zabo ezenyanyekayo.+ Yiyo le nto ndiza kuyenza yenyanyeke kubo.
21 Ndiza kuyinikela* ezandleni zabasemzini ukuba bayiphange, nakubenzi-bubi bomhlaba ibe lixhoba, baze bayingcolise.
22 “‘Ndiza kubafulathela,+ ibe baza kuyingcolisa indawo yam efihlakeleyo,* nootsotsi baza kungena kuyo bayingcolise.+
23 “‘Yenza itsheyini,*+ kuba ilizwe ligcwele ngumgwebo odyojwe ligazi,+ nesixeko sigcwele ubundlobongela.+
24 Ndiza kuzisa ezona ntlanga zikhohlakeleyo,+ ibe ziza kuthimba izindlu zabo,+ kwaye ndiza kuliphelisa ikratshi labo bomeleleyo, neendawo zabo ezingcwele ziza kungcoliswa.+
25 Xa kufika intlungu yabo, baza kufuna uxolo, kodwa luza kube lungekho.+
26 Kuza kufika intlekele emva kwenye, kubekho ingxelo phezu kwengxelo, yaye abantu baza kufuna umbono kumprofeti,+ kodwa umthetho* uza kuphela kumbingeleli, necebiso liphele* kubadala.+
27 Ukumkani uza kuzila,+ inkosi iza kwambatha intlungu, nezandla zabantu belizwe ziza kungcangcazela kukoyika. Ndiza kwenza kubo ngokweendlela zabo, yaye ndiza kubagweba ngendlela abagwebe ngayo. Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova.’”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “Sifikile isidanga seentyatyambo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Sifikile isidanga seentyatyambo.”
^ Oko kukuthi, abo bathenga umhlaba nabo bawuthengisayo abazukufumana nto, kuba intshabalalo iza kubafikela bonke.
^ Okanye kusenokwenzeka, “ngeziphoso zabo.”
^ Oko kukuthi, ukuzichamela ngenxa yokoyika.
^ Oko kukuthi, baza kuchetywa iintloko ngenxa yokuzila.
^ Oko kukuthi, isilivere negolide yabo.
^ Oko kukuthi, izinto zabo zegolide nesilivere.
^ Oko kukuthi, isilivere negolide yabo abenze ngayo izithixo.
^ Kubonakala ukuba kubhekiselwa kweyona ngcwele kaYehova.
^ Oko kukuthi, itsheyini labathinjwa.
^ Okanye “umyalelo.”
^ Okanye “nesiluleko siphele.”