Hoseya 4:1-19
4 Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli,Kuba uYehova ubabeka ityala abemi beli lizwe,+Kuba ayikho inyaniso nothando olungagungqiyo nokwazi uThixo kweli lizwe.+
2 Ukufunga into engekhoyo, ukuxoka,+ ukubulala,+Ubusela nokukrexeza*+ kugqugqisile,Negazi lichithwa lichithiwe.+
3 Kungenxa yoko le nto eli lizwe liza kuzila+Naye wonke umntu ohlala kulo eza kuphelelwa;Izilwanyana zasendle neentaka zezulu,Kwaneentlanzi zaselwandle ziza kutshabalala.
4 “Kodwa ke, makungabikho mntu ulwa nomnye okanye ukhalimela omnye,+Kuba abantu bakho baziphethe njengabantu abalwa nombingeleli.+
5 Ngoko uza kukhubeka emini emaqanda,Nomprofeti uza kukhubeka kunye nawe, ngokungathi kusebusuku.
Yaye ndiza kumvala umlomo* umama wakho.
6 Abantu bam baza kuvalwa umlomo, kuba abazi nto.
Ekubeni ululahlile ulwazi,+Nam ndiza kukulahla uze uyeke ukuba ngumbingeleli wam;Ekubeni uwulibele umthetho* kaThixo wakho,+Ndiza kubalibala noonyana bakho.
7 Okukhona babesanda, kokukhona babendona.+
Uzuko lwabo ndiza kulutshintsha lube lihlazo.*
8 Bazityebisa ngesono sabantu bam,
Banyolukela isiphoso sabo.
9 Into eza kwenzeka ebantwini iza kwenzeka nakubabingeleli;Ndiza kubaphendulisa ngenxa yeendlela zabo,Ibe ndiza kubabuyekeza ngenxa yezenzo zabo.+
10 Baza kutya, kodwa banganeli.+
Baza kuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo,* kodwa abazukwanda,+Kuba abamboneli ntweni uYehova.
11 Ukuthengisa ngomzimba,* iwayini endala newayini entshaZisusa umnqweno wokwenza izinto ezilungileyo.*+
12 Abantu bam babuzisa kwizithixo zabo ezenziwe ngomthi,Benza yonke into abayixelelwa yintonga yabo;*Kuba ukuthanda kwabo ukuthengisa ngomzimba* kuyabalahlekisa,Yaye ngokuthengisa kwabo ngomzimba* abavumi ukuzithoba kuThixo wabo.
13 Babingelela phezu kweentaba,+Naphezu kweenduli baqhumisa umbingelelo,Phantsi kwemithi yom-oki, eyestorakisi nayo yonke imithi emikhulu,+Kuba imnandi imithunzi yayo.
Yiyo le nto iintombi zenu zithengisa ngomzimba*Noomolokazana benu bekrexeza.*
14 Andizukuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuthengisa kwazo ngomzimba,Noomolokazana benu ngenxa yokukrexeza* kwabo.
Kuba amadoda emka nabafazi abathengisa ngomzimba,Aze abingelele kunye nabafazi abathengisa ngomzimba etempileni;Isizwana esinjalo, esingaqondiyo+ siza kutshatyalaliswa.
15 Nangona uthengisa ngomzimba, wena Sirayeli,+Makangabi natyala uYuda,+
Sanukuya eGiligali,+ okanye eBhete-aven,+Yaye ningafungi nithi, ‘Ephila nje uYehova!’+
16 Kuba uSirayeli uye wanenkani+ okwemazi yenkomo.
Ngaba ke uYehova uza kumalusa njengetakane legusha eliyinkunzi kwidlelo elivulekileyo?*
17 UEfrayim uthe nca kwizithixo.+
Myekeni!
18 Buthi busakuphela utywala babo,*Baqalise ukuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo.*
Abalawuli bakhe balithanda* gqitha ihlazo.+
19 Umoya uza kumka naye ngamaphiko awo.
Yaye baza kuba neentloni ngemibingelelo yabo.”
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Okanye “ndiza kumtshabalalisa.”
^ Okanye “umyalelo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Balahle uzuko lwam bathatha ihlazo.”
^ Okanye “Baza kuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; Baza kuthengisa ngomzimba.”
^ Ngokoqobo, “Zisusa intliziyo.”
^ Okanye “Ukuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “yintonga yothixo wabo.”
^ Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “ziziphatha kakubi ngesondo.”
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Ngokoqobo, “kwindawo evulekileyo?”
^ Okanye “Ithi isakuphela ibhiya yabo yengqolowa.”
^ Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; ukuthengisa ngomzimba.”
^ Ngokoqobo, “Amakhaka akhe alithanda.”