IMizekeliso 22:1-29

  • Igama elihle lingcono kunobutyebi obuninzi (1)

  • Ukuqeqeshwa usemtsha kukunceda ubomi bakho bonke (6)

  • Ivila loyika ingonyama ephandle (13)

  • Ingqeqesho isusa ubudenge (15)

  • Umntu olichule usebenzela ookumkani (29)

22  Igama elihle lingcono* kunobutyebi obuninzi;+Ukuhlonitshwa* kubhetele kunesilivere negolide.   Umntu osisityebi nosweleyo bafana ngale nto:* Bobabini badalwe nguYehova.+   Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe,Kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.*   Umphumo wokuthobeka nokoyika uYehovaBubutyebi, uzuko nobomi.+   Indlela yomntu onamaqhinga inameva nemigibe,Kodwa umntu obuxabisileyo ubomi bakhe uhambela kude kuyo.+   Yiqeqeshe inkwenkwe* ngendlela emele ihambe ngayo;+Naxa sele indala soze isuke kuyo.+   Isityebi siyalilawula ihlwempu,Nalowo ubolekayo sisicaka salowo ubolekisayo.+   Nabani na ongenzi bulungisa uza kuhlelwa yintlekele,+Nentonga yomsindo wakhe iza kwaphuka.+   Umntu othanda ukupha* uza kusikelelwa,Kuba wahlulelana namahlwempu ngokutya kwakhe.+ 10  Mgxothe umntu ogxekayo,Iza kutsho iphele ingxabano,Kuphele neengxwaba-ngxwaba* nezithuko. 11  Umntu onentliziyo emsulwa nothetha kamnandiUza kuba ngumhlobo kakumkani.+ 12  Amehlo kaYehova akhusela ulwazi,Kodwa uyawatshitshisa amazwi omntu onamaqhinga.+ 13  Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle! Ndiza kufela kwindawo kawonke-wonke!”+ 14  Umlomo womfazi oziphethe kakubi* ungumngxuma onzulu.+ Umntu oqalekiswe nguYehova uza kuwela kuwo. 15  Ubudenge bubophelelekile entliziyweni yenkwenkwe,*+Kodwa intonga yengqeqesho iza kubususa kuyo.+ 16  Umntu oqhatha ihlwempu ukuze andise ubutyebi bakhe+Nomntu onika isityebi iziphoUza kuphela elihlwempu. 17  Wavulele indlebe uze uwamamele amazwi ezilumko,+Ukuze ufake iimfundiso zam entliziyweni yakho,+ 18  Kuba uza kuncedakala ngokuwagcina entliziyweni yakho,+Ahlale esemilebeni yakho.+ 19  Ndikunika ulwazi namhlanje,Ukuze uthembele ngoYehova. 20  Andikubhalelanga na,Ndakunika amacebiso nolwazi, 21  Ukuze ndikufundise amazwi athembekileyo nayinyaniso,Utsho ukwazi ukubuyisela ingxelo echanileyo kulowo ukuthumileyo? 22  Sukulixhaphaza ihlwempu kuba lingenanto,+Ungamcinezeli nomntu ohluphekayo egeyithini yesixeko,+ 23  Kuba baza kuthethelelwa nguYehova ngokwakhe+Aze abatshabalalise abo babaxhaphazayo. 24  Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindoOkanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka, 25  Ukuze ungafundi iindlela zakheKuze oko kube ngumgibe kuwe.+ 26  Uze ungabi phakathi kwabo benza isivumelwano ngokuxhawulana ngezandla,Bakhuphe isibambiso ngezinto ezibolekwe abanye.+ 27  Xa ungakwazi ukubhatala,Ibhedi yakho iza koxuthwa usalele kuyo! 28  Ungaze uwususe umdaOwabekwa ngookhokho bakho kudala.+ 29  Ukhe wambona na umntu olichule emsebenzini wakhe? Uza kuma phambi kookumkani;+Akazukuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Ukuthandwa.”
Okanye “Ukuduma kakuhle kungcono.” Ngokoqobo, “Igama lingcono.”
Ngokoqobo, “bayahlangabezana.”
Okanye “ahlawule.”
Okanye “Mqeqeshe umntwana; Mqeqeshe umntu osemtsha.”
Ngokoqobo, “onelihlo elinobubele.”
Okanye “nokuxoxa amatyala.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “yomntwana; yomntu osemtsha.”