IiNdumiso 107:1-43
107 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+
2 Mabathethe loo mazwi abo basindiswe* nguYehova,Abo abasindise esandleni sotshaba,*+
3 Awabaqokelela ebathatha emazweni,+Empumalanga nasentshonalanga,Emntla nasemzantsi.+
4 Babhadula entlango, enkqantosini,Abafumana ndlela iya kwisixeko ababenokuhlala kuso.
5 Babelambile yaye benxaniwe;Babetyhafile* ngenxa yokudinwa.
6 Babehlala bekhala kuYehova besentlungwini;+Wabasindisa kwiingxaki zabo.+
7 Wabahambisa kwindlela efanelekileyo,+Ukuze bafike kwisixeko ababenokuhlala kuso.+
8 Abantu mabambulele uYehova+ ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+
9 Kuba ubanelisile abo banxaniweyoWaza abo balambileyo wabahluthisa* ngezinto ezilungileyo.+
10 Abanye babefathula entsunguzini yobumnyama,Bengamabanjwa entlungu yaye bebotshelelwe ngeentsimbi.
11 Kuba bawavukela amazwi kaThixo,Bawadelela amacebiso Oyena Uphakamileyo.+
12 Ngoko wabayekela ebunzimeni ukuze zithobeke iintliziyo zabo;+Bakhubeka, akwabakho mntu ubancedayo.
13 Bakhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;Wabasindisa kwiingxaki zabo.
14 Wabakhupha kwintsunguzi yobumnyama,Waqhawula namakhamandela abo.+
15 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo+Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.
16 Kuba uzaphule iingcango zekopolo,Wayinqumla nemivalo yentsimbi.+
17 Baba zizidenge baza bangena engxakini+Ngenxa yeziphoso zabo nezono zabo.+
18 Baphelelwa ngumdla wokutya* nantoni na;Baya besondela emasangweni okufa.
19 Babekhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;Wabasindisa kwiingxaki zabo.
20 Wayethumela ilizwi lakhe aze abaphilise,+Abasindise emingxunyeni ababetshone kuyo.
21 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.
22 Mabanikele imibingelelo yokubulela+Baze babhengeze izinto azenzileyo bevuya.
23 Abo bahamba elwandle ngeenqanawa,Beshishina embindini wolwandle,+
24 Bayibonile imisebenzi kaYehovaNemisebenzi yakhe emangalisayo enzulwini yolwandle;+
25 Indlela ovuthuza ngayo umoya wakuva ilizwi lakhe,+Unyusa amaza olwandle.
26 Bayenyuka baye esibhakabhakeni,Behle baye emazantsi.
Kuphela isibindi* kubo ngenxa yentlekele ezayo.
27 Bayahexa, bagxadazele okomntu onxilileyo,Abubancedi nganto nobo buchule babo.+
28 Emva koko bakhala kuYehova besentlungwini,+Aze abasindise kwiingxaki zabo.
29 Uzolisa isaqhwithi somoya,Aze amaza olwandle athi cwaka.+
30 Bayavuya xa ezola,Aze uThixo abakhokelele kwizibuko abafuna ukuya kulo.
31 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+
32 Mabamzukise ebandleni labantu;+Mabamdumise kwintlanganiso yabadala.*
33 Ujika imilambo ibe yintlango,Imithombo yamanzi ibe ngumhlaba owomileyo,+
34 Nelizwe elineziqhamo libe lelomileyo,+Ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabo bahlala kulo.
35 Ujika intlango ibe ngamachibi amanzi aneengcongolo,Nelizwe elomileyo libe yimithombo yamanzi.+
36 Ubahlalisa apho abo balambileyo,+Ukuze bakhe isixeko abaza kuhlala kuso.+
37 Batyala amasimi baze batyale imithi yeediliya+Evelisa iziqhamo ezihle.+
38 Uyabasikelela baze babe baninzi;Akazivumeli zibe mbalwa iinkomo zabo.+
39 Kodwa liphinda lehle inani labo baze bahlazekeNgenxa yokucinezelwa, nokwehlelwa ziintlekele neentlungu.
40 Uyazihlaza izikhulu,Azibhadulise enyanyeni, apho kungekho ndlela.+
41 Kodwa uyawakhusela* amahlwempu entlungwini+Aze azandise iintsapho zawo zibe ngangomhlambi.
42 Amalungisa ayayibona le nto aze avuye;+Kodwa bonke abantu abangalunganga batya tyum.+
43 Nabani na osisilumko uza kuziqaphela ezi zinto+Aze acingisise ngezinto ezenziwe nguYehova kuba enothando olungagungqiyo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “bahlawulelwe.”
^ Okanye “emandleni otshaba.”
^ Okanye “Umphefumlo wabo wawutyhafile.”
^ Okanye “wahluthisa imiphefumlo yabalambileyo.”
^ Okanye “Umphefumlo wabo wenyanya ukutya.”
^ Okanye “umphefumlo.”
^ Ngokoqobo, “kwisihlalo sabadala.”
^ Okanye “uyawaphakamisa,” oko kukuthi, uwenza angafikeleleki.