IiNdumiso 31:1-24
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
31 Nguwe, Yehova, endibalekela kuye.+
Kwanga ndingangaze ndihlazeke.+
Ndisindise ngenxa yobulungisa bakho.+
2 Ndithobele indlebe yakho.*
Khawuleza uze kundihlangula.+
Yiba yindawo yam ekhuselekileyo esentabeni,Indawo ekhuselekileyo yokundisindisa.+
3 Kuba uliliwa lam nekhusi lam;+Uza kundikhokela,+ undikhaphe ngenxa yegama lakho.+
4 Uza kundikhulula emnatheni abandibekele wona,+Kuba uyinqaba yam.+
5 Ndiwuyekela esandleni sakho umoya wam.+
Undikhulule Yehova, Thixo wenyaniso.*+
6 Ndiyabacaphukela abo bazinikele kwizithixo ezingancedi nganto nezililize;Kodwa mna, ndithembele kuYehova.
7 Ndiza kuvuya kakhulu ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo,Kuba uyibonile inkxwaleko yam;+Uyayibona intlungu yam engathethekiyo.
8 Khange undinikele esandleni sotshaba,Kodwa undenza ndime kwindawo ekhuselekileyo.*
9 Ndenzele ububele, owu yhini Yehova, kuba ndisentlungwini.
Ilihlo lam nomzimba wam wonke zityhafile ngenxa yentlungu.+
10 Ubomi bam buyintlungu nje+Neminyaka yam igcwele kukugcuma.+
Ndiphelelwa ngamandla ngenxa yesono sam,Namathambo am aya esiba buthathaka.+
11 Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,+Ingakumbi kubamelwane bam.
Ndicatshukelwa nangabantu abandaziyo;Xa bendibona phakathi kwabantu bayandibaleka.+
12 Bandikhuphile ezintliziyweni* zabo ibe bandilibele, ngokungathi ndifile;Ndifana nengqayi eyaphukileyo.
13 Ndive izinto ezininzi ezoyikisayo;Ndiyangcangcazela kukoyika.+
Bayandipakanyela,Beceba ukundibulala.+
14 Kodwa ndikuthembile, Yehova.+
Ndithe: “UnguThixo wam.”+
15 Imihla yam* isesandleni sakho.
Ndisindise esandleni seentshaba zam nakwabo banditshutshisayo.+
16 Bukhanyise ubuso bakho kumkhonzi wakho.+
Ndisindise ngothando lwakho olungagungqiyo.
17 Owu Yehova, kwanga ndingangaze ndihlazeke xa ndikubiza.+
Mabahlazeke abenzi-bubi;+Mabavalwe umlomo engcwabeni.*+
18 Kwanga ingathuliswa imilebe yobuxoki,+Imilebe ethetha kakubi ngamalungisa, ithetha ngekratshi nangendelelo.
19 Ulunge ngeyona ndlela!+
Unezinto ezininzi ezilungileyo ozigcinele abo bakoyikayo,+Ozenza phambi komntu wonke, uzenzela abo babalekela kuwe.+
20 Uza kubasithelisa kwindawo yakho efihlakeleyo,+Ubakhusele kumayelenqe abantu.Uza kubafihla ekhusini lakho,Ubakhusele ekuhlaselweni ngenkohlakalo.*+
21 Makadunyiswe uYehova,Kuba undibonise ngendlela emangalisayo ukuba undithanda ngokungagungqiyo+ kwisixeko esirhangqiweyo.+
22 Mna ke ndoyika ndathi:
“Ndiza kutshabalala phambi kwakho.”+
Kodwa wandiva xa ndandikucenga ndikhalela uncedo.+
23 Mthandeni uYehova, nonke nina bangagungqiyo ekumkhonzeni!+
UYehova uyabakhusela abathembekileyo,+Kodwa umphindezela ngokugqithiseleyo nabani na onekratshi.+
24 Yibani nesibindi, zomelele iintliziyo zenu,+Nonke nina balindela kuYehova.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Goba uze undimamele.”
^ Okanye “Thixo othembekileyo.”
^ Okanye “enkulu.”
^ Okanye “ezingqondweni.”
^ Ngokoqobo, “Amaxesha am.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Ngokoqobo, “ekuxabaneni kweelwimi.”