IiNdumiso 78:1-72
IMaskili.* Eka-Asafu.+
78 Mamelani umthetho wam* bantu bam;Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.
2 Ndiza kufundisa ngemizekelo.
Ndiza kuthetha ngamaqhalo amandulo.+
3 Izinto esazivayo nesizaziyo,Esazibaliselwa ngootata bethu,+
4 Asizukuzifihla koonyana bethu;Siza kuzibalisa kwisizukulwana esilandelayo+Izinto ezinkulu ezenziwe nguYehova, namandla akhe,+Izinto ezimangalisayo azenzileyo.+
5 Wamisela uYakobi isikhumbuzoWabeka umthetho kwaSirayeli;Wayalela ookhokho bethuUkuba bazixelele abantwana babo ezi zinto,+
6 Ukuze isizukulwana esilandelayo,Abantwana abaseza kuzalwa bazazi.+
Bona baxelele ababo abantwana.+
7 Abantwana babo babeza kutsho bathembele kuThixo.
Babengazukuyilibala imisebenzi kaThixo,+Kodwa babeza kuthobela imiyalelo yakhe.+
8 Ngoko babengazukufana nookhokho babo,Isizukulwana esineenkani nesingathobeliyo,+Isizukulwana esinentliziyo egungqayo*+Nesingathembekanga kuThixo.
9 AmaEfrayim arhoxa ngemini yedabiNangona ayexhobe ngesaphetha.
10 Awazange asigcine isivumelwano sikaThixo,+Ala ukuhamba ngomthetho wakhe.+
11 Alibala nezinto awazenzayo,+Izinto ezimangalisayo awawabonisa zona.+
12 Wenza imimangaliso phambi kwamehlo ookhokho bawo,+Elizweni laseYiputa, kummandla wakwaTsowan.+
13 Wahlukanisa ulwandle ukuze awele,Wenza amanzi ema njengedama.*+
14 Wawakhokela ngelifu emini,Wawakhokela ngokukhanya komlilo ubusuku bonke.+
15 Waqhekeza amawa entlango,Wawaseza onela kumanzi anzulu.+
16 Wampompozisa imisinga eliweni,Wakhupha amanzi ehla njengemilambo.+
17 Kodwa aqhubeka emonaNgokumvukela entlango Oyena Uphakamileyo;+
18 Amvavanya uThixo ezintliziyweni zawo+Ngokukufuna ngenkani ukutya.
19 Amnyemba uThixo,Esithi: “Angakwazi na uThixo ukudeka itafile entlango?”+
20 Jonga! Wabetha iliwaUkuze kuphume amanzi, nokuba kuphuphume imisinga.+
Kodwa kwawona abuza: “Angakwazi na ukusinika nesonka,Okanye ukubanika inyama abantu bakhe?”+
21 Xa uYehova wawevayo, waba nomsindo,+Wamtshisa ngomlilo+ uYakobi,Wacatshukiswa kakhulu ngamaSirayeli+
22 Kuba awazange abe nokholo kuThixo;+Awazange amthembe ukuba uyakwazi ukuwasindisa.
23 Ngoko wayalela amafu phezulu,Wavula iingcango zezulu.
24 Waqhubeka ewanisela imana ukuze atye;Wawanika iinkozo ezivela ezulwini.+
25 Abantu batya isonka samakroti;*+Wabanika esaneleyo ukuze bahluthe.+
26 Wavusa umoya wasempuma emazulwini,Wabhudlisa umoya wasemzantsi ngamandla akhe.+
27 Wabanisela inyama ngokungathi luthuli,Iintaka ngokungathi yisanti yaselwandle.
28 Waziwisa phakathi enkampini,Kwiintente zakhe, macala onke.
29 Bazingxala ngazo bephanga;Wabanika into ababeyirhalela.+
30 Kodwa bathi bengekoneli,Kusesemlonyeni oko kutya,
31 UThixo waba nomsindo.+
Wabulala awona omeleleyo kumadoda abo;+Wabulala abafana bakwaSirayeli.
32 Nakuba kunjalo, baya besona nakakhulu+Baza abayikholelwa imisebenzi yakhe emangalisayo.+
33 Ngoko wayiphelisa imihla yabo, yathi shwaka oku komphunga,+Iminyaka yabo yaphela ngentlekele.
34 Qho uThixo ebabulala, babehlala bebuyela kuye;+Babebuya baze bamkhangele,
35 Bekhumbula ukuba uThixo wayeliLiwa labo,+Nokuba uThixo ongOyena Uphakamileyo wayenguMkhululi* wabo.+
36 Kodwa babezama ukumqhatha ngemilomo yaboBemxokisa ngolwimi lwabo.
37 Iintliziyo zabo zazigungqa,+Bengathembekanga kwisivumelwano sakhe.+
38 Kodwa wayenenceba;+Wayezixolela* izono zabo aze angabatshabalalisi.+
Endaweni yokuba acaphuke,+Wayewubamba umsindo wakhe.
39 Kuba wayekhumbula ukuba bayinyama,+Umoya ovuthuza ugqithe, ungabuyi.*
40 Babemane bemvukela,+Bemkhathaza entlango!+
41 Babesoloko bemvavanya uThixo,+Bemkhathaza* Lowo Ungcwele kaSirayeli.
42 Abazange bawakhumbule amandla akhe,*Imini awabasindisa* ngayo kutshaba lwabo,+
43 Indlela awababonisa ngayo imiqondiso eYiputa+Nemimangaliso yakhe kummandla wakwaTsowan,
44 Nendlela awayijika ngayo yaba ligazi imisinga yomNayile+Ukuze amaYiputa angakwazi ukusela kwimifula yawo.
45 Wathumela ibubu lezibawu ukuze ziwatye+Namasele ukuze onakalise kwelo lizwe.+
46 Wanikela amasimi awo kwiinkumbi ezitshabalalisayo,Nomvuzo wokusebenza kwawo nzima kwibubu leenkumbi.+
47 Imithi yawo yeediliya wayitshabalalisa ngesichotho+Nemithi yawo yesikamore ngamatye esichotho.
48 Wantlitha izilwanyana zawo ngesichotho+Nemfuyo yawo wayibetha ngombane.*
49 Wawukhuphela kuwo umsindo wakhe,Umsindo nokucaphuka,Imikhosi yeengelosi yawatshabalalisa.
50 Wawulungiselela indlela umsindo wakhe,
Akawasindisa ekufeni,Waza wawabulala ngesifo* esingubhubhani.
51 Ekugqibeleni wabulala onke amazibulo amaYiputa,+Ebulala isiqalo samandla awo okuzala kwiintente zakwaHam.
52 Emva koko wabakhupha njengeegusha abantu bakhe,+Wabalusa njengomhlambi entlango.
53 Wabakhokela bekhuselekile,Bengoyiki nto;+Iintshaba zabo zaginywa lulwandle.+
54 Wabazisa kummandla wakhe ongcwele,+Ummandla weentaba awawufumana ngesandla sakhe sasekunene.+
55 Wazigxotha iintlanga phambi kwabo;+Wabasikela ilifa ngentambo yokumeta,+Izizwe zakwaSirayeli wazibeka emakhayeni azo.+
56 Kodwa amaSirayeli aqhubeka emvavanya futhi engamthobeli uThixo ongOyena Uphakamileyo,+Engazihoyi izikhumbuzo zakhe.+
57 Amjikela aza aba namaqhinga njengookhokho bawo.+
Ayengathembekanga oku kwesaphetha esityeketyeke.+
58 Aqhubeka emcaphukisa ngeendawo zawo eziphakamileyo,+Aza amenza wanomsindo* ngemifanekiso yawo eqingqiweyo.+
59 UThixo wayibona le nto waza waba nomsindo,+Wamlahla ngokupheleleyo uSirayeli.
60 Ekugqibeleni wayilahla intente engcwele yaseShilo,+Intente awayehlala kuyo phakathi kwabantu.+
61 Wanikela oko kumele amandla akhe ekuthinjweni;Oko kumele ubukhulu bakhe wakunikela kutshaba.+
62 Waqhubeka ebanikela ekreleni abantu bakhe,+Wavutha umsindo wakhe kwilifa lakhe.
63 Abafana bakhe baqwengwa ngumlilo,Neentombi zakhe azaculelwa ngoma zomtshato.*
64 Ababingeleli bakhe bawa ngekrele,+Abalilelwa nangabahlolokazi babo.+
65 Waza wavuka uYehova, ngokungathi uvuka ebuthongweni,+Njengegorha+ liqabuka kwiwayini.
66 Wazidudula ezigxotha iintshaba zakhe;+Wazihlazisa ngonaphakade.
67 Wayilahla intente kaYosefu;Akasikhetha isizwe sakwaEfrayim.
68 Kodwa wakhetha isizwe sakwaYuda,+INtaba YeZiyon, leyo ayithandayo.+
69 Wayenza yahlala ngonaphakade njengamazulu indawo yakhe engcwele,*+Njengomhlaba awumise ngonaphakade.+
70 Wakhetha umkhonzi wakhe uDavide+Emthatha kubuhlanti beegusha,+
71 Wamthatha ekongeni amatakane,Emzisa ekwaluseni uYakobi ongabantu bakhe,+USirayeli olilifa lakhe.+
72 Wazimisela ngokusuka entliziyweni ukubalusa,+Ebaqhuba ngesandla esinobuchule.+
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “imfundiso yam.”
^ Ngokoqobo, “engalungiswanga.”
^ Okanye “njengodonga.”
^ Okanye “seengelosi.”
^ Okanye “wayenguMphindezeli.”
^ Ngokoqobo, “Wayezogquma.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Umoya ophumayo uze ungabuyi.”
^ Okanye “Bemenza intliziyo ebuhlungu.”
^ Ngokoqobo, “isandla sakhe.”
^ Ngokoqobo, “awabakhulula.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ngomkhuhlane.”
^ Ngokoqobo, “wanikela ubomi bawo kwisifo.”
^ Okanye “wanekhwele.”
^ Okanye “Neentombi zakhe azadunyiswa.”
^ Ngokoqobo, “Wakha indawo yakhe engcwele njengeendawo eziphakamileyo.”