INtshumayeli 3:1-22
3 Yonke into inexesha layo,Ixesha lento nganye eyenzekayo phantsi kwamazulu:
2 Ixesha lokuzalwa nexesha lokufa;Ixesha lokutyala nexesha lokuncothula into ebityaliwe;
3 Ixesha lokubulala nexesha lokuphilisa;Ixesha lokudiliza nexesha lokwakha;
4 Ixesha lokulila nexesha lokuhleka;Ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudanisa;*
5 Ixesha lokulahla amatye nexesha lokubutha amatye;Ixesha lokwanga nexesha lokuyeka ukwanga;
6 Ixesha lokufuna nexesha lokuncama;Ixesha lokugcina nexesha lokulahla;
7 Ixesha lokukrazula+ nexesha lokuthunga;Ixesha lokuthi cwaka+ nexesha lokuthetha;+
8 Ixesha lokuthanda nexesha lokucaphukela;+Ixesha lemfazwe nexesha loxolo.
9 Ufumana ntoni umntu ngokusebenza kwakhe nzima?+
10 Ndiwubonile umsebenzi uThixo awunike oonyana babantu ukuze bahlale bexakekile.
11 Yonke into uyenze yantle* ngexesha layo.+ Ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni yabo; kodwa abantu soze bawazi apho uqala khona nalapho uphela khona umsebenzi kaThixo wokwenene.
12 Ndifikelele kwisigqibo sokuba ayikho into ebalungele ngaphezu kokuvuya nokwenza okulungileyo ngoxa besaphila,+
13 kwanokuba wonke umntu ufanele atye, asele aze onwabe ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.+
14 Ndiye ndafumanisa ukuba yonke into ayenzayo uThixo wokwenene iya kuhlala ngonaphakade. Akukho nto inokongezwa nenokuncitshiswa kuyo. UThixo wokwenene uyenze ngaloo ndlela, ukuze abantu bamoyike.+
15 Nantoni na eyenzekayo ibisele yenzekile, nento eza kubakho yayikhe yakho;+ kodwa uThixo wokwenene ufuna oko kuleqwayo.*
16 Nantsi enye into endiye ndayibona phantsi kwelanga: Endaweni yokusesikweni* kwakukho ububi, nasendaweni yobulungisa kwakukho ububi.+
17 Ngoko ndathi entliziyweni yam: “UThixo wokwenene uza kugweba ilungisa nomenzi-bubi,+ kuba yonke into inexesha layo.”
18 Ndaphinda ndathi entliziyweni yam uThixo wokwenene uza kubavavanya oonyana babantu, aze ababonise ukuba bayafana nezilwanyana,
19 kuba kukho isiphelo sabantu nesiphelo sezilwanyana; isiphelo sabo siyafana nesazo.+ Ukufa kwabo kuyafana nokufa kwazo; ibe umoya wabo nomoya wazo mnye.+ Ngoko umntu akazodluli nganto izilwanyana, kuba yonke into ililize.
20 Konke nje kuya ndaweni nye.+ Konke kwavela eluthulini,+ ibe konke kubuyela eluthulini.+
21 Ngubani owaziyo ukuba umoya wabantu unyukela phezulu, uze owezilwanyana wehlele ezantsi emhlabeni?+
22 Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu azonwabise ngomsebenzi wakhe,+ ngenxa yokuba ngumvuzo wakhe lowo;* kuba ngubani onokumbonisa into eza kwenzeka xa engasekho?+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “lokutsiba-tsiba; lokuxhuma-xhuma.”
^ Okanye “yalungiswa kakuhle, yafaneleka.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “izinto ezidlulileyo.”
^ Okanye “yobulungisa.”
^ Okanye “sisabelo sakhe eso.”