KwabaseRoma 8:1-39
8 Ngoko ke abantu abamanyene noKristu Yesu abanatyala.
2 Kuba umthetho womoya oyingcwele uye waninika ubomi ukuze niphile nimanyene noKristu Yesu. Lo mthetho uye wanikhulula+ kumthetho wesono nowokufa.
3 Abantu abagqibelelanga,+ ngoko uMthetho wawungenakukwazi+ ukubasindisa ekubeni babengenakukwazi ukuwuthobela ngokupheleleyo, ngenxa yoko uThixo wathumela uNyana wakhe+ enomzimba ofana nowabantu abanesono,+ ukuze asigwebe isono,
4 sitsho sikwazi ukwenza izinto ezilungileyo ezifunwa nguMthetho,+ thina bantu bangalawulwa yimizimba yethu enesono kodwa ngumoya oyingcwele.+
5 Kuba abantu abalawulwa yiminqweno yemizimba yabo enesono bahlala becinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono,+ kodwa abo balawulwa ngumoya oyingcwele bahlala becinga ngezinto zomoya oyingcwele.+
6 Ukucinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono kuzisa ukufa,+ kodwa ukucinga ngezinto ezifunwa ngumoya oyingcwele kuzisa ubomi noxolo;+
7 kuba ukucinga ngezinto ezifunwa yimizimba enesono kwenza umntu abe lutshaba lukaThixo,+ kuba imizimba enesono ayiwuthobeli umthetho kaThixo, phofu ke ayisoze ikwazi ukuwuthobela.
8 Ngoko abantu abalawulwa yimizimba enesono abanakukwazi ukumkholisa uThixo.
9 Kodwa ke nina anilawulwa yimizimba enesono, nilawulwa ngumoya oyingcwele,+ ukuba nyhani umoya kaThixo uhleli kuni. Ukuba umntu akacingi njengoKristu, loo mntu akangokaKristu.
10 Kodwa ukuba uKristu umanyene nani,+ imizimba yenu ifile ngenxa yesono kodwa umoya oyingcwele unenza niphile kuba kusithiwa ningamalungisa.
11 Ukuba ke umoya walowo wavusa uYesu ekufeni uhleli kuni, kwayena lowo wavusa uKristu Yesu ekufeni+ uza kwenza imizimba yenu efayo iphile,+ esebenzisa umoya wakhe ohleli kuni.
12 Ngoko ke bazalwana, asinyanzelekanga ukuba silawulwe yimizimba enesono;+
13 kuba ukuba nilawulwa yimizimba enesono, ngokuqinisekileyo niza kufa; kodwa ukuba niyohlukana nezenzo zemizimba enesono+ nincedwa ngumoya oyingcwele, niza kuphila.+
14 Kuba bonke abo bakhokelwa ngumoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.+
15 Kuba umoya kaThixo awusenzi sibe ngamakhoboka size siphinde soyike, usenza sibe ngoonyana, yaye lo moya usenza sikhwaze sithi kuThixo: “Abha,* Tata!”+
16 Lo moya+ usenza siqiniseke ukuba singabantwana bakaThixo.+
17 Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwazizo neendlalifa, iindlalifa zikaThixo ezimanyene+ noKristu, ukuba sinyamezela ubunzima kunye naye+ ukuze sizukiswe kunye naye.+
18 Into endiyiqondayo kukuba ubunzima esibufumanayo ngoku abuthathi nto kuzuko oluza kubonakaliswa ngathi.+
19 Kuba indalo ikulinde ngamehlo abomvu ukutyhilwa koonyana bakaThixo.+
20 Kuba indalo yenziwa yaphila ubomi obungenanjongo.+ Ayizange izikhethele obo bomi kodwa yaba yinjongo kaThixo ukuba ayiyeke iphile ubomi obungenanjongo, ngethemba
21 lokuba nayo indalo iza kukhululwa+ ekubeni ngamakhoboka emizimba eyonakeleyo ize ibe ngabantwana bakaThixo; iza kufumana inkululeko ezukileyo.
22 Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina yaye isentlungwini de kube ngoku.
23 Akuphelelanga apho, kodwa nathi thina bafumene isivuno sokuqala, esingumoya oyingcwele, siyancwina ngaphakathi+ njengoko sikulinde ngamehlo abomvu ukwenziwa oonyana bakaThixo,+ sikhululwe kwimizimba yethu ngokuhlawulelwa.
24 Kuba sasindiswa sineli themba; kodwa ithemba elibonwayo ayilothemba, kuba xa umntu eyibona into, ngaba usaqhubeka enethemba lokuba iyeza?
25 Kodwa ukuba sinethemba+ lento esingayiboniyo,+ sihlala siyilinde ngamehlo abomvu sinyamezele.+
26 Ngokufanayo, umoya oyingcwele nawo uyasinceda xa siphelelwa ngamandla.+ Ingxaki kukuba sikhe singayazi eyona nto simele siyithandazele, kodwa umoya oyingcwele uyasicelela ezo zinto zisenza sincwine ngaphakathi sibe singakwazi ukuzichaza.
27 Lowo uhlolisisa iintliziyo+ uyayazi into ethethwa ngumoya oyingcwele, kuba umoya oyingcwele ucelela abo bangcwele ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo.
28 Siyazi ukuba izenzo zikaThixo ziyasebenzisana ukuze kulungelwe abo bamthandayo, abo bakhethwe ngokwenjongo yakhe;+
29 ngenxa yokuba abo wayebacinge kwasekuqaleni, wabakhetha ukuze babe njengoNyana wakhe,+ ukuze lo nyana wakhe abe lizibulo+ phakathi kwabantakwabo abaninzi.+
30 Ngaphezu koko, abo wabakhetha kwangaphambili+ ngabo wababizayo;+ abo wababizayo ngabo wathi bangamalungisa.+ Okokugqibela, abo wathi bangamalungisa ngabo wabazukisayo.+
31 Yintoni esinokuyithetha ngezi zinto? Ukuba uThixo ukwicala lethu, ngubani onokulwa nathi?+
32 Ekubeni engazange athandabuze ukunikela ngonyana wakhe ngenxa yethu sonke,+ ngaba angangasiniki ke ngoku zonke ezinye izinto?
33 Ngubani onokubamangalela abo bakhethwe nguThixo?+ Kaloku uThixo ngokwakhe uthi bangamalungisa.+
34 Ngubani onokubabeka ityala? Kuba uKristu Yesu wafa waza wavuswa, yaye ngoku ungasekunene kukaThixo+ ibe uyasicelela.+
35 Yintoni enokusenza singathandwa nguKristu?+ Ngaba yintlungu, okanye bubunzima, okanye yintshutshiso, okanye kukulamba, okanye kukuba ze, okanye yingozi, okanye likrele?+
36 Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Sibulawa yonke le mihla ngenxa yakho; sesifana nje neegusha zokuxhelwa.”+
37 Sekunjalo, lowo wasithandayo usenza sizoyise zonke ezi zinto.+
38 Kuba andithandabuzi ukuba zonke ezi zinto, ukufa, ubomi, iingelosi, oorhulumente, izinto ezikhoyo ngoku nezo ziseza kubakho, amandla+
39 ukuphakama, ubunzulu nayo nantoni na edaliweyo, azinako ukwenza uThixo angasithandi ngothando alubonakalise kuthi ngoKristu Yesu iNkosi yethu.
Umbhalo osemazantsi
^ Eli ligama lesiAramiki elithetha ukuthi “Owu Tata!”