Yeremiya 10:1-25
10 Liveni ilizwi uYehova alithethileyo ngani, ndlu kaSirayeli.
2 Uthi uYehova:
“Sanukufunda izinto ezenziwa ziintlanga,+Ningoyikiswa yimimangaliso yasezulwiniKuba isoyikwa ziintlanga.+
3 Kuba amasiko ezizwana awancedi nganto.
Umkhandi olichule ugawula umthi ehlathini,Aze awenze isithixo ngesixhobo sakhe.+
4 Usihombisa ngesilivere nangegolide+Asibethelele ngehamile nezikhonkwane ukuze singahexi.+
5 Njengonomgogwana kwintsimi yetyhukhamba, ezi zithixo azikwazi kuthetha;+Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba.+
Sanukuzoyika, kuba azinakunenzakalisa,Zingakwazi nokwenza okulungileyo.”+
6 Akukho mntu unjengawe, owu Yehova.+
Umkhulu, negama lakho likhulu yaye linamandla.
7 Ngubani na ofanele angakoyiki, owu Kumkani weentlanga,+ kuba kukufanele ukoyikwa;Kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwazo zonke izizwe zazo,Akukho namnye unjengawe.+
8 Azisebenzisi ngqondo yaye zizidenge.+
Umyalelo ovela emthini awuyonto.+
9 Kuziswa isilivere evela eTarshishe+ ekhandwe yangamacwecwe, negolide evela kwaUfazi,Umsebenzi womkhandi olichule nowezandla zomnyibilikisi.
Isinxibo sazo singumsonto oluhlaza* noboya obumsobo.*
Zonke zenziwa ngamachule.
10 Kodwa uYehova nguThixo ngokwenene.
UnguThixo ophilayo+ noKumkani ngonaphakade.+
Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uza kunyikima,+Yaye akukho zintlanga ziza kukwazi ukunyamezela umsindo wakhe.
11 Nantsi into omele uyithethe kuzo:
“Oothixo abangawenzanga amazulu nomhlabaBaza kutshabalala emhlabeni naphantsi kwala mazulu.”+
12 NguMenzi womhlaba ngamandla akhe,Lowo wenza ilizwe elinemveliso ngobulumko bakhe+Nowolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+
13 Xa elenza livakale ilizwi lakhe,Amanzi asezulwini ayayaluzela,+Yaye ubangela ukuba amafu anyuke* evela kwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Imvula uyenzela umbane,Yaye ukhupha umoya koovimba bakhe.+
14 Wonke umntu uziphethe njengomntu ongacingiyo nongenalwazi.
Wonke umnyibilikisi uza kuhlaziswa ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+Kuba imifanekiso yakhe yesinyithi ibubuxoki,Yaye akukho bomi kuyo.+
15 Ayincedi nganto,* ingumsebenzi oyintlekisa.+
Xa kufika imini yokuphenduliswa kwayo, iza kutshabalala.
16 Lowo usiSabelo sikaYakobi akafani nezi zinto,Kuba nguye owadala yonke into,Yaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+
17 Qokelela umthwalo wakho emhlabeni,Wena mfazi ohleli kwindawo erhangqiweyo.
18 Kuba uthi uYehova:
“Ngoku ndibaphosela ngaphandle abemi bomhlaba,+Yaye ndiza kubenza babe sentlungwini.”
19 Ndisentlungwini ngenxa yokuwa kwam!*+
Inxeba lam alinakuphiliswa.
Yaye mna ndithe: “Ngokuqinisekileyo sisifo sam esi, ibe ndimele ndisithwale.
20 Intente yam idiliziwe, neentambo zentente yam ziqhawulwe zonke.+
Oonyana bam bandishiyile yaye abasekho.+
Akusekho mntu utwabulula intente yam, okanye umisa amalaphu ayo.
21 Kuba abelusi benza izinto bengasebenzisi ngqondo,+Yaye ababuzanga kuYehova.+
Yiyo le nto bengenzanga ngobulumko,Yaye yonke imihlambi yabo ithe saa.”+
22 Mamela! Ingxelo! Iyeza!
Izingqi ezikhulu ezivela kwilizwe lasemntla,+Ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zingabi namntu, zibe yindawo yoodyakalashe.+
23 Ndazi kakuhle, owu Yehova, ukuba umntu akakwazi ukuyilawula indlela yakhe.
Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.+
24 Ndilungise Yehova, ngomgwebo,Kodwa kungekhona ngomsindo wakho,+ ukuze unganditshabalalisi.+
25 Khuphela umsindo wakho ezintlangeni eziye azakuhoya,+Nakwiintsapho ezingabiziyo egameni lakho.
Kuba zimdle zamgqiba uYakobi,+Ewe, zimdle zamgqiba de zamtshabalalisa,+Zaza zalitshabalalisa ilizwe lakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “umphunga unyuke.”
^ Okanye “Ingumphunga.”
^ Okanye “ngenxa yokwaphuka kwam.”