Yobhi 12:1-25

  • Impendulo kaYobhi (1-25)

    • “Anindodluli nganto” (3)

    • “Ndiyinto yokuhlekisa” (4)

    • ‘Ubulumko bobukaThixo’ (13)

    • UThixo ungaphezulu kuneejaji nookumkani (17, 18)

12  UYobhi waphendula wathi:   “Abantu nini kaloku,Xa ningekho nina bungaphela ubulumko!   Kodwa ke nam ndinengqondo* njengani. Anindodluli nganto. Ngubani ongazaziyo ezi zinto nithetha ngazo?   Ndiyinto yokuhlekisa koogxa bam,+Kuba ndifuna iimpendulo kuThixo.+ Kaloku umntu olilungisa nongasolekiyo uba yinto yokuhlekisa.   Umntu ongenazingxaki uyijongela phantsi intlungu;Ucinga ukuba ifanele abantu abangazinzanga.   Konwatyiwe kwiintente zootsotsi,+Nabo bacaphukisa uThixo bakhuselekile,+Abo babaphethe ngezandla oothixo babo.   Khawubuze izilwanyana, zikuxelele;Kwaneentaka zezulu, zikuchazele.   Buza umhlaba,* uza kukufundisa;Neentlanzi zolwandle ziza kukuxelela.   Yeyiphi phakathi kwezi engaziyoUkuba le nto yenziwe sisandla sikaYehova? 10  Ubomi bayo yonke into ephilayoNobabantu bonke busesandleni sakhe.+ 11  Indlebe ayiwavavanyi na amazwiNjengokuba nolwimi lungcamla* ukutya?+ 12  Ubulumko abufunyanwa kubantu abadala na?+Ulwazi lona, aluzi nokuphila ubomi obude na? 13  UThixo unobulumko namandla;+Unolwazi ibe uza kukwenza ukuthanda kwakhe.+ 14  Into edilizwe nguye ayinakuphinde yakhiwe;+Ukuba uvalile akukho mntu unokuvula. 15  Uthi akuwabamba amanzi, kome yonk’ into;+Athi akuwakhupha, agcwale umhlaba wonke.+ 16  Nguye onamandla nobulumko;+Ngowakhe umntu olahlekayo nolahlekisayo; 17  Abacebisi ubahlazisa ngokubenza bahambe benganxibanga ezinyaweni,Abenze izidenge abagwebi.+ 18  Uyazikhulula iintambo ezibotshwe ngookumkani,+Aze bona ababhinqise ibhanti lobukhoboka. 19  Ababingeleli ubahlazisa ngokubenza bahambe benganxibanga ezinyaweni,+Aze ababhukuqe abo bangagungqiyo kwizikhundla zabo;+ 20  Ubenza baphelelwe ngamazwi abacebisi abathenjiweyo,Aze awenze aphelelwe bubulumko amaxhego;* 21  Uhlaza izikhulu,+Abenze buthathaka abanamandla; 22  Utyhila izinto ezinzulu ezisebumnyameni,+Azise ithunzi elimnyama ekukhanyeni; 23  Unika iintlanga amandla, esenzela ukuzitshabalalisa;Ukhulisa iintlanga, akugqiba azise ekuthinjweni. 24  Uzohlutha ubulumko* iinkokheli zabantu,Ababhadulise enyanyeni, apho kungekho ndlela.+ 25  Baphuthaphutha ebumnyameni,+ apho kungekho kukhanya;Ubabhadulisa okwamanxila.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ndinentliziyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Thetha nomhlaba.”
Ngokoqobo, “inkalakahla ingcamla.”
Okanye “abadala.”
Ngokoqobo, “intliziyo.”