Yobhi 31:1-40

  • UYobhi uthethelela ukuthembeka kwakhe (1-40)

    • “Isivumelwano namehlo am” (1)

    • Ucela ukubekwa esikalini nguThixo (6)

    • Akakrexezi (9-12)

    • Akathandi mali (24, 25)

    • Akakhonzi zithixo (26-28)

31  “Ndenze isivumelwano namehlo am.+ Ngoko ndingayenza njani into yokuncwasa enye intombi?*+   Ebeza kundenza ntoni ke uThixo?Liliphi ilifa ebendiza kulifumana kuSomandla?   Akazukufumana ntlekele na umenzi-bubi?Abazukufikelwa ziingxaki na abo benza izinto ezenzakalisayo?+   Akaziboni na iindlela zam?+Akaziboni na iindawo endinyathela kuzo?   Ndakha ndaxoka na?* Ukhona na umntu endakha ndamqhatha?+   UThixo makandibeke ezikalini ezichanileyo;+Uza kutsho ayibone indlela endimsulwa ngayo.+   Ukuba iinyawo zam ziyaphuma endleleni,+Okanye intliziyo yam ilandela amehlo am,+Okanye kukho into engcolise izandla zam,   Imbewu endiyihlwayelayo ke mayityiwe ngomnye umntu,+Nento endiyityalayo mayincothulwe.*   Ukuba ndiye ndancwasa omnye umfazi,+Ndalalela+ emnyango kwammelwane, 10  Umfazi wam makagubele enye indoda,Alale namanye amadoda.*+ 11  Kuba ndiya kuba ndenze into elihlazo,Isono esifanele isohlwayo sabagwebi.+ 12  Loo nto ibiya kuba njengomlilo otshabalalisayo,+Oqwenga neengcambu zayo yonke intsimi yam. 13  Ukuba bendingabamameli abasebenzi bamXa bendikhalazela,* 14  Ndiza kuthini ke xa uThixo endibuza? Ndiza kuphendula ndithini xa efuna ndicacise?+ 15  Abadalwanga nguye na, njengam?+ Asibunjwanga nguye sonke na ngaphambi kokuba sizalwe?*+ 16  Ukuba bendingavumi ukuwanika izinto azifunayo amahlwempu,+Okanye ndakhathaza umhlolokazi;+ 17  Ukuba bendisitya ndedwa,Ndivimbe iinkedama;+ 18  (Kuba ukususela ebutsheni bam bendinjengotata kwiinkedama,Ndanceda nabahlolokazi ukususela ebuntwaneni bam.)* 19  Ukuba bendidla ngokubona nabani na esifa yingqele ngenxa yokungabi nampahla,Okanye ihlwempu lingenanto yokunxiba;+ 20  Ukuba belingandibuleli+Njengokuba lizifudumeza ngoboya beegusha zam; 21  Ukuba bendiyigxotha inkedama,+Xa idinga uncedo lwam kwigeyithi yesixeko;+ 22  Mayiqhawuke yonke ke ingalo yam,Yophuke engqinibeni. 23  Kuba bendisoyika ukohlwaywa nguThixo,Ibe bendingakwazi ukumelana nozuko lwakhe. 24  Ukuba bendithembele kwigolide,Okanye ndathi kwigolide yodidi, ‘Ungumkhuseli wam!’+ 25  Ukuba bendivuyiswa kukuba sisityebi+Ngenxa yokuba ndinezinto ezininzi;+ 26  Ukuba bendisithi xa ndibona ukuqaqamba kwelanga,Okanye ukukhazimla kwenyanga,+ 27  Intliziyo yam itsaleleke kuzo,Ndize ndiphuze isandla sam ndizikhonza;+ 28  Bendiya kuba ndenze isono esifanele isohlwayo sabagwebi,Kuba bendiya kuba ndimkhanyele uThixo wokwenene. 29  Kwakha kwandivuyisa na ukwenzakaliswa kotshaba lwam,+Okanye ndavuya xa lusehlelwa yinto embi? 30  Andizange ndiwuvumele wone umlomo wamNgokwenza isifungo ndicela ukuba lubulawe.+ 31  Awatshongo na amadoda entente yam ukuba,‘Wonke umntu utya onele* apha’?+ 32  Akukho mhambi* wakha walala phandle,+Kuba bendihlala ndiyivula iminyango yam. 33  Ngaba ndakha ndasifihla isono sam, njengabanye abantu,+Ngokusifaka epokothweni? 34  Ngaba ndakha ndoyika ukuba baza kuthini abantu,Okanye ndoyika ukudelelwa ngabantu beminye imizi,Bendenza ndithule, ndoyike nokuphuma phandle? 35  Akwaba bekukho umntu onokundimamela!+ Bendiza kuyisayinela phantsi le nto ndiyithethayo. USomandla makandiphendule!+ Akwaba ummangaleli wam ebezibhale phantsi izinto andityhola ngazo! 36  Bendiza kuzithwala emagxeni am,Ndizibeke entloko ngathi sisithsaba. 37  Bendiza kumxelela yonke into endiyenzileyo;Bendiza kuba nesibindi sokuma phambi kwakhe okwenkosana. 38  Ukuba bendinokumangalelwa ngumhlaba wam,Ndililelwe yimijelo yawo; 39  Ukuba nditye isivuno sawo ndingasihlawulelanga,+Okanye ndabashiya bengenanto abanikazi bawo;+ 40  Makukhule ameva endaweni yengqolowa,Nokhula olunukayo endaweni yerhasi.” Aphela apha ke amazwi kaYobhi.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “intombi engazange ilale nandoda.”
Okanye kusenokwenzeka, “ndahamba na nabantu abangenanyani?”
Okanye “Nenzala yam mayincothulwe.”
Ngokoqobo, “Amanye amadoda mawaguqe phezu kwakhe.”
Okanye “bendimangalela.”
Ngokoqobo, “esibelekweni.”
Ngokoqobo, “esibelekweni sikamama.”
Ngokoqobo, “uyitya onele inyama.”
Okanye “mntu wasemzini.”