Kubalisa uYohane 15:1-27

  • Umzekelo womthi weediliya wokwenene (1-10)

  • Umyalelo wokuba nothando olufana nolukaKristu (11-17)

    • ‘Akukho thando logqitha olu’ (13)

  • Ihlabathi liyabacaphukela abafundi bakaYesu (18-27)

15  “Mna ndingumthi weediliya wokwenene, ibe umlimi wawo nguTata.  Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa, yaye onke lawo avelisa isiqhamo uyawathena,* ukuze avelise isiqhamo esininzi.+  Nina senicocekile ngenxa yezinto endinifundise zona.+  Hlalani nimanyene nam, nam ndiza kuhlala ndimanyene nani. Njengoko isebe lingenakuvelisa siqhamo lingekho semthini, nani aninakuvelisa siqhamo ningamanyananga nam.+  Mna ndingumthi weediliya, nina ningamasebe. Lowo uhlala emanyene nam, ndibe nam ndimanyene naye, uza kuvelisa isiqhamo esininzi;+ kuba akukho nto ninokuyenza ngaphandle kwam.  Nabani na ongahlali emanyene nam, ulahlwa phandle oku kwesebe aze ome. Amasebe anjalo ayaqokelelwa ngabantu baze bawaphose emlilweni.  Ukuba nihlala nimanyene nam, nizenza nezinto endinifundise zona, niza kufumana nantoni na eniyicelayo.+  Xa nicaca ukuba ningabafundi bam, nivelisa nesiqhamo esininzi, abantu baza kumzukisa uTata.+  Ndinithande ngendlela uTata andithande ngayo;+ yenzani ukuba ndihlale ndinithanda. 10  Ukuba niyayithobela imiyalelo yam, ndiza kuhlala ndinithanda, njengoko nam ndiyithobele imiyalelo kaTata, waza naye wahlala endithanda. 11  “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nonwabe ngokupheleleyo njengam.+ 12  Ndiniyalela ukuba nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo.+ 13  Akakho umntu onothando ukogqitha umntu oncama ubomi bakhe, ebuncamela abahlobo bakhe.+ 14  Ningabahlobo bam ukuba niyazenza izinto endiniyalela zona.+ 15  Andisanibizi ngokuba ningamakhoboka, kuba ikhoboka aliyazi into eyenziwa yinkosi yalo. Kodwa ndinibiza abahlobo bam, kuba ndinixelele yonke into endiyixelelwe nguTata. 16  Ayinini enakhetha mna, kodwa ndim owanikhethayo, ukuze niqhubeke nivelisa isiqhamo esihlala sihleli, ukuze nantoni na eniyicela kuTata egameni lam, aninike.+ 17  “Ndiniyalela ezi zinto, ukuze nithandane.+ 18  Ukuba ihlabathi liyanicaphukela, ze nazi ukuba liye laqala lacaphukela mna ngaphambi kokuba licaphukele nina.+ 19  Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda. Kodwa aningabo abehlabathi,+ kuba ndinikhethile, yiloo nto linicaphukela.+ 20  Khumbulani ukuba ndathi: Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baza kunitshutshisa nani;+ ukuba baye bazenza izinto endizithethileyo, baza kuzenza nenizithethayo. 21  Baza kunenza zonke ezi zinto ngenxa yegama lam, kuba bengamazi Lowo undithumileyo.+ 22  Ukuba bendingezanga kubaxelela ezi zinto, ngebengenasono.+ Kodwa ngoku abanandlela yakuzithethelela ngesono sabo.+ 23  Nabani na ondicaphukelayo, uyamcaphukela noTata.+ 24  Ukuba bebengandibonanga ndisenza imimangaliso engazanga yenziwa, ngebengenasono;+ kodwa ke ngoku bandibonile baza bandicaphukela, bamcaphukela noTata. 25  Kodwa bekumele kube njalo, ukuze abe yinyani amazwi abhalwe eMthethweni, athi: ‘Bandicaphukela ndingenzanga nto.’+ 26  Ndiza kunithumelela umoya oyingcwele ovela kuTata, oyenza icace inyaniso,+ wona uza kunenza nazi ukuba ndingubani;+ 27  nina ke niza kungqina ukuba ndingubani,+ kuba beninam kwasekuqaleni.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uyawacoca.”