Kubalisa uYohane 9:1-41
9 Xa uYesu wayegqitha ngendlela, wabona umntu owazalwa engaboni.
2 Abafundi bakhe bambuza bathi: “Mfundisi,*+ lo mntu wazalwa engaboni kuba kona yena na okanye abazali bakhe?”
3 UYesu waphendula wathi: “Lo mntu akonanga, nabazali bakhe abonanga, kodwa ukungaboni kwakhe kuvule ithuba lokuba imisebenzi kaThixo ibonakale ngaye.+
4 Simele siyenze ngoku kusesemini imisebenzi yaLowo undithumileyo,+ kuba ubusuku buyeza, apho kungazukubakho mntu ukwaziyo ukusebenza.
5 Ndikukukhanya kwehlabathi, ngoku ndiselapha emhlabeni.”+
6 Akugqiba ukuthetha, wathufa phantsi wenza udaka ngamathe, waluqaba emehlweni aloo mntu,+
7 wathi kuye: “Hamba uyokuhlamba kwidama ekuthiwa yiSilowam” (ethetha ukuthi “Othunyiweyo”). Ngoko waya waza wahlamba khona, wabuya ebona.+
8 Emva koko, abamelwane nabantu ababeqhele ukumbona ecela izinto ebantwini, bathi: “Andithi lo ngulaa mntu ebeqhele ukucela izinto ebantwini?”
9 Abanye bathi: “Nguye lo.” Abanye besithi: “Hayi, ngumntu nje ofana naye.” Yena lo mntu wayemane esithi: “Ndinguye.”
10 Ngoko bathi kuye: “Avuleke njani ke amehlo akho?”
11 Wathi kubo: “La ndoda kuthiwa nguYesu yenze udaka, yandiqaba emehlweni, yathi kum, ‘Hamba uyokuhlamba eSilowam.’+ Ndaya ke, ndahlamba, ndatsho ndabona.”
12 Bathi kuye: “Iphi loo ndoda?” Wathi: “Andazi.”
13 Bamthatha ke loo mntu wayekade engaboni, bamsa kubaFarisi.
14 KwakungeSabatha+ ngemini uYesu awenza ngayo udaka waza wavula amehlo aloo mntu.+
15 Ngoko abaFarisi bambuza ukuba kwenzeke njani ukuze abone. Wathi kubo: “Uye waqaba udaka emehlweni am, ndaluhlamba ndaza ndabona.”
16 Emva koko abanye abaFarisi bathi: “Akunakwenzeka ukuba lo mntu usuka kuThixo, kuba akawuthobeli umthetho weSabatha.”+ Abanye bathi: “Kungenzeka njani ukuba umoni enze imimangaliso enje?”+ Baphela bengavumelani.+
17 Baphinda bathi kuloo mntu wayekade engaboni: “Uthini ngaye wena, kuba nguwe ovulwe amehlo?” Lo mntu wathi: “Ungumprofeti.”
18 AmaYuda ayengakholelwa ukuba lo mntu ebekade engaboni, de abiza abazali bakhe.
19 Athi kubo: “Ngulo nyana wenu lo, lo nithi wazalwa engaboni? Kwenzeka njani ke ukuba abe uyabona ngoku?”
20 Abazali bakhe bathi: “Into esiyaziyo kukuba, lo ngunyana wethu, ibe wazalwa engaboni.
21 Le yokuba kwenzeke njani ukuba abone, asiyazi; singazi nokuba ngubani omvule amehlo. Buzani kuye. Mdala kaloku. Makaziphendulele.”
22 Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaYuda,+ kuba ayesele evumelene ukuba, nabani na ovumayo ukuba lo nguKristu, uza kugxothwa kwindlu akhonzela kuyo.*+
23 Yiloo nto abazali bakhe bathi: “Mdala kaloku. Buzani kuye.”
24 Aphinda ambiza laa mntu obekade engaboni, athi kuye: “Zukisa uThixo ngokusixelela inyani; siyazi ukuba lo mntu ngumoni.”
25 Waphendula wathi: “Le yokuba ungumoni, andiyazi. Mna into endiyaziyo kukuba bendingaboni, ngoku ndiyabona.”
26 Athi kuye: “Ukwenze ntoni? Uwavule njani amehlo akho?”
27 Wathi: “Ndinixelele nje, kodwa anamamela. Kutheni nifuna ndiphinde? Okanye nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”
28 Amngxolisa esithi: “Nguwe umfundi walaa mntu, thina singabafundi bakaMoses.
29 Siyazi ukuba uMoses wayethunywe nguThixo, kodwa yena lo mntu asimazi ukuba uvela phi.”
30 Lo mntu wathi kuwo: “Sisimanga into yokuba ningamazi ukuba uvela phi, akugqiba ukuvula amehlo am.
31 Siyazi ukuba uThixo akabamameli aboni,+ kodwa uyammamela nabani na omoyikayo, aze enze ukuthanda kwakhe.+
32 Akuzange nanini na kuviwe ngomntu owakhe wavula amehlo omntu ozelwe engaboni.
33 Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo, akukho nto ebenokukwazi ukuyenza.”+
34 Athi kuye: “Singathini ukufundiswa nguwe, wakugqiba ukuzalelwa esonweni?” Emva koko amgxotha!+
35 UYesu weva ukuba amgxothile. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuNyana womntu?”
36 Lo mntu wathi: “Ngubani lowo mhlekazi, ukuze ndikholwe kuye?”
37 UYesu wathi: “Sowumbonile, nguye lo uthetha nawe.”
38 Wathi: “Ndiyakholwa Nkosi,” waza waqubuda kuye.
39 Emva koko uYesu wathi: “Ndize kweli hlabathi ukuze izinto endizenzayo zenze abangaboniyo babone,+ ababonayo bangaboni.”+
40 Bakumva abaFarisi ababelapho, bathi kuye: “Uzama ukuthi nathi asiboni?”
41 UYesu wathi kubo: “Ukuba beningaboni, ngeningenasono. Kodwa nithi, ‘Siyabona.’ Ngoko ke ninesono.”+