Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 5

Mfundise Indlela Yokuphila

Mfundise Indlela Yokuphila

NGUBANI OMELE AMFUNDISE INDLELA YOKUPHILA?

Abantwana bayamdinga umntu omdala oza kubafundisa indlela yokuphila. Ngumsebenzi womzali ukufundisa abantwana kodwa nabanye abantu banokubafundisa abantwana.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUMFUNDISA INDLELA YOKUPHILA?

Kwiindawo ezininzi ulutsha aluhlali kakhulu nabantu abadala. Nazi ezinye izinto ezibangela loo nto:

  • Abantwana bahlala esikolweni ixesha elininzi, ibe esikolweni kukho abantwana abaninzi kunootitshala nabanye abantu abadala.

  • Abanye abantwana babuya esikolweni abazali besemsebenzini.

  • EMerika kufunyaniswe ukuba abantwana abaphakathi kweminyaka eyi-8 neyi-12 bachitha iiyure ezintandathu besebenzisa izixhobo ze-elektroniki. *

Enye incwadi ithi: “Ulutsha alusayibuzi kubazali okanye kootitshala indlela yokuphila . . . luyibuza koontanga.”

UNGAMFUNDISA NJANI INDLELA YOKUPHILA?

Yiba nabo ixesha elininzi.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.”​—IMizekeliso 22:6.

Abantwana badla ngokufuna ukufunda kubazali babo indlela yokuphila. Abaphandi bade bathi abantwana abaneminyaka eyi-13 ukuya kweyi-19 bawathanda kakhulu amacebiso abazali babo kunawoontanga. UGqr. Laurence Steinberg uthi: “Abazali ngabona bantu abantwana abafunda kubo ukwenza izinto besakhula naxa beqala ukuzimela. Xa bekhula bafuna ukwazi ukuba umzali ucinga ntoni kwaye bayammamela nokuba abazukuyenza yonk’ into ayitshoyo.”

Sukuliyeka eli xesha abantwana abasafuna ngalo ukufunda kuwe. Hlala nabo ixesha elininzi ubaxelele indlela oziva nocinga ngayo, izinto ezibalulekileyo kuwe nezinto ozifundileyo ebomini.

Babonise nomnye umntu omdala abanokufunda kuye.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”​—IMizekeliso 13:20.

Ukuba kukho umntu omdala omaziyo anokufunda kuye umntwana wakho, kutheni ungamceli akhe amane encokola naye? Loo nto ayithethi kuthi wunike omnye umntu umsebenzi wakho. Kodwa umntu omthembileyo uza kukwazi ukumkhuthaza umntwana wakho kwizinto omqeqesha kuzo. NoTimoti ekuthethwa ngaye eBhayibhileni wancedwa kukuba ngumhlobo kaPawulos. Naye uPawulos yamnceda loo nto.​—Filipi 2:20, 22.

Kule mihla iintsapho ezininzi azisahlali kunye. Ootatomkhulu, oomalume noodadobawo bahlala kwezabo iindawo. Ukuba kunjalo nakweyakho intsapho, zama ukujonga umntu omdala abanokufunda kuye abantwana bakho izinto ongathanda ukuzibona kubo.

^ isiqe. 9 Kufunyaniswe ukuba abantwana abaneminyaka eyi-13 ukuya kweyi-19 bachitha malunga neeyure eziyi-9 ngosuku kwizixhobo ze-elektroniki. Ezi yure asiloxesha abantwana abenza ngalo umsebenzi wesikolo.