INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA
Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa
OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI
Iicawa ezintathu zobuKristu ezaziwa kakhulu, “amaRoma Katolika, amaOthodoki aseMpuma kunye namaProtestanti zithi kukho uThixo oneziqu ezithathu: uThixo uYise, uThixo uNyana noThixo Umoya Oyingcwele. Ngokutsho kwemfundiso yobuKristu, apha akuthethwa ngoothixo abathathu, kodwa ngothixo omnye oneziqu ezithathu.”
INYANISO ESEBHAYIBHILENI
UYesu, uNyana kaThixo, akazange athi uyalingana okanye ukwimo enye noYise. Kunoko wathi: ‘Ndiyemka ndiya kuBawo, kuba uBawo mkhulu kunam.’ (Yohane 14:
Umoya oyingcwele asingomntu. AmaKristu okuqala ‘azaliswa ngumoya oyingcwele,’ noYehova wathi: “Ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama.” (IZenzo 2:
KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?
Abaphandi abangamaKatolika, uKarl Rahner noHerbert Vorgrimler bathi xa becacisa uThixo Oneziqu Ezithathu: “Akakho umntu onokumazi uThixo engatyhilelwanga, naxa sele etyhilelwe akanakumazi ngokupheleleyo.” Ngaba unokuthanda umntu ongenakwaziwa okanye ongaqondakaliyo? Ngoko ke, imfundiso yoThixo Oneziqu Ezithathu ibangela ukuba uThixo angaziwa okanye angathandeki.
Yimfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu eyabangela ukuba uMarco ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili angamazi uThixo. Uthi: “Ndandicinga ukuba uThixo uyazifihla kum yaye loo nto yamenza wakude nangakumbi, akaqondakala yaye akafikeleleka.” Kodwa ke, “uThixo akangoThixo wezinto ezingaqondakaliyo.” (1 Korinte 14:
UMarco uthi: “Xa ndafunda ukuba uThixo akayonxalenye yoThixo Oneziqu Ezithathu, ndatsho ndakwazi ukuba ngumhlobo wakhe.” Ukuba uYehova simbona njengoMntu wokwenene kunomntu nje ongaqondakaliyo, kuya kuba lula ukumthanda. IBhayibhile ithi: “Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.”