OKTOBHA 9, 2018
EPERU
Unozakuzaku WaseThailand Ubonisa Indlela Awabulela Nawahlonipha Ngayo AmaNgqina KaYehova AsePeru Ngokunceda Abantu BaseThailand Abavalelwe EPeru
Abameli baseThailand abahlala ePeru baye batyelela iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova yalapho eseLima, ngoJuni 26, 2018. Bebefuna ukubulela abazalwana ngokunceda abantu baseThailand abavalelwe ePeru.
AmaNgqina kaYehova asePeru ebesoloko efundisa abantu abavalelweyo balapho iBhayibhile ukususela ngo-2007. Ukuqala ngo-2013, abazalwana bebesiya nakwitrongo enabantu baseThailand. Kuba echukunyiswe yindlela abazalwana basePeru abanobubele ngayo kubantu baseThailand, unozakuzaku uye wacela ukutyelela iofisi yesebe lasePeru.
Abantu ababetyelele le ofisi yesebe ibinguMr. Pathompong Singthong ongunozakuzaku, uMr. Angkura Kulvanij, noMs. Pradthana Pongudom abasebenza naye. Xa bebeboniswa iofisi yesebe, bebehamba namalungu eKomiti yeSebe ibe baye bacaciselwa nangomsebenzi wokuguqulela iincwadi zethu ngeelwimi zalapho eziyi-9.
Iofisi kanozakuzaku waseThailand iye yabhala ileta yokubulela abazalwana bethu ngomsebenzi omhle wokukhathalela abantu abasokolayo nabangathathi ntweni abahlala ePeru noba bakhonza phi okanye basuka kweyiphi indawo. Lo nozakuzaku uye wancoma isebe lamaNgqina kaYehova elisePeru ngomsebenzi walo onciphisa nophucula ubomi babantu baseThailand abavalelwe ePeru.
Umzekelo wabazalwana bethu basePeru ubonisa into eyenzekayo xa amaNgqina kaYehova eqhubeka nokufundisa iindaba ezilungileyo.—1 Korinte 9:22